Utata uza kuchitha ubomi bakhe entolongweni emva kokugwetywa ngokudlwengula unyana wakhe.
Image: IOL
Utata, 38, uza kuthothoza ubomi bakhe bonke entolongweni emva kokuba egwetywe ngokudlwengula ephinda phinda unyana wakhe phakathi kuka2019 no2021.
Kule veki inkundla yengingqi yaseMadadeni igwebe utata owenze la matyala eMadadeni, eNewcastle, KwaZulu-Natal.
Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso, uNatasha Ramkisson-Kara, uthe le nkwenkwe ibihlala nabazali bayo bobabini kunye nomnakwabo.
"Umtyholwa udlwengule ixhoba ngamaxesha ahlukeneyo xa unina engekho. Likhona ixesha apho ixhoba, umama, kunye nomntakwabo bayokuhlala nosapho lwakulomama. Ngelixa behlala apho, umtyholwa wayesiya kulanda abantwana kunye nomama wabo ukubabona. Ngeli xesha, umtyholwa waqhubeka nokudlwengula ixhoba.
"Ekugqibeleni lo mba uye wavela xa utishala wexhoba ebona utshintsho kwindlela umntwana aziphethe ngayo wambuza ukuba kuqhubeka ntoni. Wamxelela emva koko ukuba utata wakhe kudala emdlwengula. Utishala wazisa inqununu yesikolo nosapho lwexhoba," utshilo uRamkisson-Kara.
Le nkwenkwe yasiwa kwikliniki ekufutshane apho ugqirha waqinisekisa ukwenzakala kwayo. Lo mba waxelwa emapoliseni, waze wabanjwa umtyholwa.
"Enkundleni umtshutshisi uCindy Alberts uye waveza ubungqina bengxelo yokuqala equka utitshala kunye nogqirha owaxilonga umntwana. Ugqirha uxelele inkundla ukuba ukwenzakala emzimbeni wexhoba ngenxa yodlwengulo kuzamchaphazela ubomi bakhe bonke.
"Ngeenzame zokuqinisekisa isigwebo esiqatha, uAlberts ukhokele ubungqina bukamakazi wexhoba owaxelela inkundla ukuba ukusukela oko kwenzeka ezi ziganeko, ixhoba liye laba ngumntu ongasenamdla nongonwabanga kwaye liyamoyika umtyholwa," utshilo uRamkisson-Kara.
Ethetha ngesi sigwebo, uSiyabulela Monakali weIlitha Labantu uthe bayasamkela esi sigwebo kwaye bayalincoma ixhoba ngokuthetha phandle.
"Njengombutho osebenze ngaphezu kwamashumi amathathu eminyaka ukulwa ubundlobongela obusekelwe kwisini kunye nobundlobongela obujoliswe ebantwaneni, Ilitha Labantu isakhathazeke kakhulu kukuxhatshazwa ngokwesondo okuqhubekayo kwiintsapho.
"Siyasamkela isigqibo senkundla kwaye sisithatha esi siphumo njengenyathelo elisingise kubulungisa kulowo ulixhoba kunye nosapho lwakhe. Sincoma inkalipho yomntwana ekuthetheni phandle, kunye nokuqaphela kukatitshala owenze ngenkathalo nangokungxamisekileyo," utshilo uMonakali.
Ukongeza kwisigwebo sobomi, inkundla yayalela ukuba igama lomtyholwa lifakwe kuluhlu likazwelonke lwabaphulimthetho ngokwesondo.
Ufunyenwe engafanelekanga ukusebenza nabantwana kwaye wabhengezwa njengongafanelekanga ukuba nompu.