Umrhanelwa odubule wabulala uLuvuyo waseBluewater Bay eBhayi uzunikele emapoliseni.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Uvele phambi koMantyi waseBhayi ngoLwesine umrhanelwa (37) ojongene netyala lokudubula abulale uLuvuyo Mbaba (51).
Umrhanelwa uzinikezele ngokwakhe emapoliseni aseBluewater Bay kusasa ngoLwesine wabe ehamba negqwetha lakhe wabanjwa. Ungaphakathi eziseleni kwaye kulindeleke ukuba aphinde avele kwakhona ngoLwesihlanu weveki ezayo (15 kweyeThupha).
Ngokwengxelo kaCaptain Sandra Janse van Rensburg, ithi uMbaba udutyulwe ngoLwesihlanu kwiveki ephelileyo ngomhla wokuqala kusemva kwemini wabe egalelelwa ipetroli kwigaraji eseBluewater Bay kwimoto yakhe iVW Amarok kuba ezoyokulanda umfazi wakhe.
Umrhanelwa wafika wangqala kuMbaba wathulula ngeembumbulu edubula wabe uyabhubha kwangoko kwindawo yexhwayelo uMbaba.
UJanse van Rensburg uthi unobangela wesi sehlo awukaziwa.