Indoda yaseMelika ibulawe yinyathi ebeyizingela.
Image: Asher Watkins/Facebook
UAsher Watkins, isigwili saseMelika, uhlaselwe wabhubha yinyathi ebeyizingela eLimpopo kule mpelaveki idlulileyo ngeCawe.
Umzingeli oneminyaka engama52 ubudala uhlawule iCoernraad Vermaak Safaris malunga neR177 221 kuhambo awayeceba ukuchwechwela nokubulala izilwanyana zasendle.
"Ngeentliziyo ezibuhlungu siqinisekisa ukubhubha kabuhlungu komhlobo wethu uAsher Watkins osuka eMelika. NgeCawe, ngethuba wayekuhambo lokuzingela kunye nathi kwiphondo laseLimpopo, uAsher wonzakala kuhlaselo lwesiquphe nolwenzeke engakhange enze nto yinyathi eyayingenzakalanga.
"Wayeyilandelela kunye nomnye wabazingeli bethu abaqeqeshiweyo kunye nomnye wabalandeli bethu. Esi sisiganeko esibuhlungu, kwaye iintliziyo zethu zikunye nabathandekayo bakhe," kusho uHans Vermaak wale ndawo yezilwanyana zasendle kwingxelo.
Le ndawo yezilwanyana zasendle ithe inyathi yaziwa ngokuba yingozi kwaye iyoyikwa emhlabeni. "Ibangela ukubhubha kwabantu abaninzi kunye nokwenzakala okuninzi kubazingeli minyaka le, inyathi ithathwa njengesona silwanyana siyingozi ukusizingela eAfrika, singasathethi ke ngehlabathi," itshilo kumnatha wayo.
Inyathi iphinde yachazwa njengesilwanyana esinobuchule nesikulungele ukuhlasela, ifuna indawo yokufihla intloko xa yenzakele okanye isoyika. Ukongezelela, iinyathi zaziwa ngokutsiba kuqala zingakhange zichukunyiswe, kodwa ukuba zonzakele, kunyanzeleke ukuba ulindele okubi.
"Entetho ethi, "hamba kancinane uphathe intonga enkulu" icacisa ngqo imeko apho kulandelelwa inyathi enembumbulu kuyo. Ukuzingela inyathi yinto enikeza umdla neshushubeza igazi, esi silwanyana siphezulu kuluhlu lwezilwanyana ezifuna ukuzingelwa ngabazingeli," itshilo le ndawo yezilwanyana zasendle.
Ngokutsho kweAvula Safaris, ukuzingela eMzantsi Afrika, nokuba kusekhaya okanye kwamanye amazwe, kufuna isigunyaziso esithile. "Iimvume zokuzingela izilwanyana ezinobungozi ezifana nenyathi okanye ingonyama zikhutshwa ngenani elilinganiselweyo. Izilwanyana ezithile ezifana nemikhombe nezinja zasendle zikhuselwe ngokungqongqo phantsi komthetho kazwelonke."