UMphathiswa weMfundo eMpuma Koloni uFundile Gade eRegent eMonti ngoLwesithathu kwinkomfa eentsuku mbini.
Image: ECDoE
UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade, uthi inkomfa yeentsuku ezimbini ebanjwe leli Sebe libambisene neOxium yeyokujonga ukuba kungenziwa njani na unxibelelwano phakathi kwemfundo nezakhono eziqhubekekayo emakhaya.
UGade ebethetha eQuigney, eMonti, ngoLwesithathu. Uthi injongo yale nkomfa kukwakha iziseko eziza kwenza ukuba abantu bangaphumi bangene ezilalini bacinge ukuba impumelelo namaphupha abo angafumaneka ezidolphini kuphela.
Watsho esithi: "Umzekelo, masifane namazwe afana neChina apho lihamba phambili ngokoqoqosho kwihlabathi, okwenza oko ke kungokuba abantu babo babaphuhlise ngezakhono kweza ndawo bakuzo khange babafunqule babase ezidolophini, yonke into abayifunayo ikhona ikweza ndawo bakuzo.
"Imfundo yethu mayikwazi ukujonga lo mba waseChina neIndia kwaye iyazi ukuba bukhona ubomi ezilalini kuba sinamahlathi, amalwandle, umhlaba kwaneemveliso zophehlo lomoya," utshilo uGade.
UGade uthi oku baza kukwenza ngokuqhagamshelana nooMasipala basemakhaya malunga nomba wophuhliso loqoqosho lwasekuhlaleni kooMasipala. Uqhube wathi kunyaka ozayo xa kuphinda kubanjwa le nkomfa, zekuziwe nezisombululo kuboniswe nomgama ohanjiweyo.
UMphathiswa ukwaveze nento yokuba nangaphezu kokuba izikolo zivelisa oo100% kwiziphumo [zikaGrade 12], uthe okubalulekileyo kodwa kufuneka bazibuze umbuzo wokuba ingaba izakhono zikhona na ngapha kooLevel 7 okanye kuvuyelwa ukudluliswa kwezatifikethi. Uzincomile nezikolo zasemaphandleni ngelithi zingoyiki kuba zizo ezivelisa kakhulu abafundi abapasa emagqabini ngezifundo zezibalo neNzululwazi.
Le nkomfa iyaqhubekeka nangoLwesine aRegent, eQuigney, eMonti, ukuqala ngentsimbi yesibhozo.