Iindaba

Ngumntu ongumama nongutata ababanjelwe ukubhaqwa benemipu engekho semthethweni kuQumbu!

Abongile Ginya|Published

Umpu obhaqwe kwikhaya eliseGodi eThina Falls kuQumbu.

Image: SAPS

Bavalelwe eziseleni abarhanelwa ababini, utata onama64 eminyaka ubudala kwakunye nomama onama61 eminyaka ubudala, emva kokuba bebhaqwe ngokohlukana kwabo benemipu engenazo iimpepha. 

Abarhanelwa babanjwe ngoMvulo kule veki umhla wesine bebanjwa phakathi kwentsimbi yesibhozo neyeshumi ebusuku kwilali iGodini eThina Falls kuQumbu.

Omnye wompu obhaqwe kwikaya elikuGodi eThina Falls kuQumbu ngomvulo ngamaPolisa aseO.R. Tambo.

Image: SAPS

Ngokwengxelo ephuma kuCaptain Welile Matyolo ithi, kufunyenwe umpu phakathi komatrasi phantsi kwebhedi kwikhaya likamama noye wabanjwa. Emva koko kwayokubhaqwa kwikhaya likatata i9mm pistol ekhuhlwe inombolo kwaye uneembumbulu.  

UMatyolo uthi esi sibini sibekwe ityala lokufunyanwa sinemipu engekho semthethweni kwanokuba neembumbulu. Singaphakathi eziseleni kuQumbu nekulindeleke ukuba sivele phambi koMantyi kule veki.