Indoda yakwaTyutyu eBhisho igwetyiwe kwaye iza kuchitha iminyaka engama31 ejele emva kokufunyanwa inetyala lokubetha nokudlwengula intwazana.
Image: IOL
IGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) isamkele isigwebo seminyaka engamashumi amathathu ananye (31) esinikwe uBulelani Klass (27) yinkundla yengingqi yaseZwelitsha emva kokumfumana enetyala lokubetha nokudlwengula.
Ngokwengxelo yeNPA eMpuma Koloni, ngomhla we13 kweyeDwarha ngo2024, intwazana (19) yakwaTyutyu eBhisho yatyelela uKlass ukuya kuthatha isazisi sayo. UKlass wamcela ukuba alale achithe ubusuku naye. Wathi xa engavumi, waqala ukumhlasela waza wohlutha ifowuni yexhoba.
Isithethi seNPA eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali, uthi emva kokuba uKlass ohluthe le fowuni, wabona ukuba [ixhoba] linencoko nenye indoda kuWhatsapp. UKlass wabethekisa ixhoba ngentloko edongeni elikrwitsha nangentambo yeayini emva koko walicheba neenwele zalo isigcuntswana ngaphambili kuphela.
UKlass wala ngenkani nexhoba esithi ufuna ukulibona ukuba lilele kusini na nale ndoda ebencokola nayo efownini.
Ixhoba ladunjelwa limehlo, linemikrwelo yokulunywa, lidunjelwe nabubuso.
Ngethuba kuqhuba ityala, uKlass waphika exelela inkundla ukuba akalidlwengulanga ixhoba bavumelana. Ixhoba lakuphikisa oko labe sele lithethelelwa nabubungqina beziphumo zeziko elikhathalela amaxhoba odlwengulo, iQonce Thuthuzela Care Centre, apho ixhoba lalifumene khona unyango nohoyo.
Inkundla yabona ukuba uKlass makavalelwe aze agwetywe iminyaka engamashumi amathathu ananye (31) entolongweni.