USekela Mphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yezeMveli uGqirha Namane Dickson Masemola.
Image: Cogta
Kwiphulo lokuphucula ulawulo lwasekhaya, uSekela Mphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli (Cogta), uGqirha Namane Dickson Masemola, kulindeleke ukuba akhokele iintlanganiso nooSodolophu nooCeba boMasipala oMbaxa iBuffalo City kunye noMasipala waseMakana eMpuma Koloni.
Ezi ntlanganiso, neziza kubanjwa ngoLwesithathu nangoLwesine wale veki, ziphawula eyona nxalenye ibalulekileyo yelinge likazwelonke elibizwa ngokuba ‘Wonke uMasipala kufuneka asebenze’ (Every Municipality Must Work). Eli nyathelo lijolise ekuvuseleleni iziseko zolawulo, ukukhawulezisa ukuhanjiswa kweenkonzo, kunye nokuqinisa uxanduva lokuphendula ngokwezicwangciso-nkqubo zorhulumente wasekhaya.
Ngokwengxelo yeSebe lakwaCogta, le nkqubo iza kuquka ukwaziswa kwenkxaso elungiselelwe uMasipala oMbaxa waseBuffalo City, eyilelwe ukomeleza iziko layo nokuqinisekisa ukusebenza ngokupheleleyo, ngokuhambelana nezigunyaziso zomgaqo-siseko.
Ukukhuthaza intatho-nxaxheba yoluntu kunye nolawulo oluhlangeneyo, uSekela Mphathiswa uya kubamba intlanganiso elandelayo neqela iMakana Concern Group, litshilo iSebe.
Kwiintlanganiso zeentsuku ezimbini, uSekela Mphathiswa kulindeleke ukuba abe kunye noMphathiswa weCogta eMpuma Koloni, uZolile Williams.