IGosa eliPhezulu leSebe lezeMfundo, uMphathiswa weMfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade, esemigceni ethetha nbafundi, ootitshala, abahlali nabazali kwisikolo iDavid Mama S.S.S eMdantsane.
Image: ABONGILE GINYA
Kunqunyanyiswe abafundi abahlanu emva kwesehlo sokuqhwatywa ngeempama komfundi waseMdantsane. Aba bafundi bahlanu besikolo iDavid Mama S.S.S eseMdantsane, banqunyanyiswa emva kokuba bethe baqwhaba ngeempama umfundi oyintombazana.
Kwividiyo ethe tshitshilili kumakhasi onxibelelwano, ibonisa lo mfundi emane ebethwa ngeempama ngaba bafundi wabe ehleli esitulweni sebhasi ebathuthayo esikolweni. Baye bamphinda bamqhwaba kwakhona sele behlikile ebhasini, wabe omnye oyintombazana ethe chu nokuthatha ividiyo ehleka esi sehlo logama abanye bebukele.
Isikolo esinabafundi abahlanu abathe banqunyanyiswa liSebe lezeMfundo eMpuma Koloni.
Image: ABONGILE GINYA
UMphathiswa weMfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade, ngentseni yangoMvulo ekunye negqiza leSebe lezeMfundo batyelele kwesi sikolo apho aye wathetha nabafundi, ootitshala kuquka nenginginya yabahlali kwanemibutho eyohlukeneyo yezopolitiko echaza ngamanyathelo athatyathiweyo malunga nabafundi abahlanu.
UGade uthe esi sehlo asamkelekanga. "Intloko yeSebe lezeMfundo iza kuthatha iziphumo zophando iyokuziphonononga njengomthetho ukujonga ukuba basesimeni sokuba bangabuyela na esikolweni. Sisabanqumamisile iintsuku ezisixhenxe nabaza kubuya beze kwinkqubo yoluleko ukuze nabo babeyinxalenye yesenzo abasenzileyo," utshilo uGade.
ISele lezoThutho noKhuseleko loLuntu limnqumamisile umqhubi webhasi apho luqale khona olu hlaselo, limtyhola ngokungathabathi manyathelo ngethuba kuhlaselwa lo mfundi. UGade negqiza lakhe bakwatyelele ikhaya lexhoba, ngeliyokujonga uncedo abangalunika olu sapho.
Inkokheli yoluntu, uAndile Siko, uthi bafuna bagxothwe abafundi. Ingxelo ithi umfundi sele eqalile ukufumana uncedo olumfaneleyo emva kwesi sehlo.