Inkosikazi yaseSada uBongiwe Rhamncwana obesebenza kwisiskhululo samaPolisa eWhittlesea udutyulwe wabhubha kwinyanga ephelileyo.
Image: UTHUNYELWE
Kubanjwe abarhanelwa ababini malunga netyala lokubulawa kobesebenza njengomabhalana kwisikhululo samaPolisa saseWhittlesea uBongiwe Rhamncwana.
Oku kuza emva kokuba ngomhla we18 kwinyanga ephelileyo kweyeKhala, uRamncwana wathi wadutyulwa kwikhaya lakhe eliseSada ngabarhanelwa ababini abangaziwayo.
UCaptain Namhla Mdleleni uthi, uphando olwenziweyo lukhokelele ekubanjweni komrhanelwa wokuqala ongusisi onama36 eminyaka nobanjwe kwilokishi yaseNgangelizwe. Owesibini umrhanelwa oyindoda onama30 eminyaka ubanjwe kwilokishi yaseChris Hani eMthatha naye.
UMdleleni uthi, amaPolisa asose abhaqa nemoto eyayibolekiwe neyayisetyenziswe ngethuba kuyokuhlaselwa uRhamncwana.
Uphando lusaqhuba. Bobabini abarhanelwa baye babekwa ityala lokubulala, bangaphakathi belindele ukuvela phambi koMantyi waseWhittlesea. Unobangela wokudutyulwa kukaBongiwe awukaziwa.
UMkomishinala weSithili saseChris Hani, uMajor General Rudolph Adolph ukuncomile okwenziwe ngoogxa bakhe esipoliseni ngokubamba abarhanelwa ngokukhawuleza nangokuqiniseka ukuba babhalwa kwiincwadi zomthetho.