Bafumene iphetshana eligrogrisayo elithi mababhatale imali yokhuseleko (protection fee) ootitshala baseDalibhunga S.S.S eNgqeleni.
Image: Independent Media
AmaPolisa aseNgqeleni eMpuma Koloni aphanda ngetyala lezenzo zokurhafisa, extortion ngelasemzini, emva kokuba abafundisi-ntsapho besikolo iDalibhunga S.S.S kummandla waseNgqeleni befake isikhalo emapoliseni emva kokuba ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kule nyanga bethe bafumana umyalezo ongakhange uginyise amathe kubo.
UBrigadeir Nobuntu Gantana uthi, eli phetshana balifumeneyo esikolweni belisuka kwiqela lemigulukudu elifuna bahlawule iwaka leerandi (R1000), imali yokhuseleko, iprotection fee ngamanye, nyanga ngenyanga kwaye eli waka liphume kwititshala nganye.
UGantana uthi ngenxa yobunzima betyala nangokwemeko elililo, ityala eli lidluliselwe kwiProvincial Organised Crime Unit ekubeni liphandwe. AmaPolisa abongoza abasebenzi, abafundi, kuquka nabahlali ekubeni bahlale bethe qwa kwaye bachaze ngokhawuleza okurhanelekayo nokungaqondakaliyo kwezi nombolo: Extortion Hotline 082 387 1561 okanye iCrime Stop 08600 10111.
Akukabikho bantu babanjiweyo okwangoku uphando lusaqhuba.