Iindaba

Ititshala yakuTsolo icel' isandla ngethala leencwadi ukuze kuphuhle abantwana

Abongile Ginya|Published

UIviwe Mathe nabafundi bakhe kwigunjana ebelingasebenzi eLower Malepe Primary School nelajikwa laba lithala leencwadi.

Image: Uthunyelwe

Ititshala yesikolo iLower Malepe Primary School eMncetyana, kuTsolo, emva kokuba iqaphele ukuba abantwana bayasokola xa benikwa imisebenzi efuna ukuba benze uphando okanye bafunde, iye yashukuma yaya nombono wayo yadibana ngentloko nenqunu yayo, uNoziphiwo Twetwa, balungisa igunjana ebelikade lingasebenzi ekubeni lijikwe libe lithala leencwadi.

Le titshala nguIviwe Mathe oyingcaphephe kulwimi lwesiXhosa ukwanguye nombhali weencwadi zesiXhosa. Uthi into ayinqwenelayo kukuba nabani na onokuthi afake isandla ekwakhiweni kwethala leencwadi elikhulu kuba ayizukunceda nje abantwana besikolo saseLower Malepe, iza kuphinda incede nabantwana beelali ezingqongileyo njengoko ingekho kule ndawo kwaye nabantwana belali sele beqalile ukusebenzisa eli thala.

"Sicela isandla kuye nabani na onokuthi asincede. Abantwana bakude edolophini abanayo inyhweba yokukwazi ukwenza uphando esikolweni xa benikwe umsebenzi kuba asinazo iincwadi zaneleyo kwaye neli gumbi lincinci kufuneka ibekwasithi bootitshala babo ababaphathela iincwadi ibe ke ngoku ingaselulo uphando, kanti umntwana kufuneka aziqalele phantsi ngokwakhe."

Iincwadana ezikhoyo kwithala leencwadi kazenzele eLower Malepe Primary School eMncetyana kuTsolo.

Image: Uthunyelwe

UMathe uthi okumvuyisayo nokuphinde kumvise kabuhlungu kukuba nabenza uGrade12 bayaya kweli gunjana beyokufunda kuba iyeyona ndawo ilungele ukufundela njengoko benganayo enye indlela. Uthi bazamile noTweta ukwandisa ngeveranda kuba bebona umdla okhulayo kubantwana, kuquka nabelali.

"Lincinci eli gumbi alilungelanga ukuba lithala leencwadi. Abantwana ndibafundisa okuninzi ngethala leencwadi, uhlobo lokuziphatha xa ungaphakathi kwanohlobo lokukhangela incwadi ukuze babenalo ulwazi xa kuthethwa ngethala leencwadi," utshilo uMathe.

UMathe uthi uzamile esenza uphando kumathala eencwadi akufutshane wabhalela nakuMasipala kuba becela ukuncediswa ngokwakhelwa. Uthi okumtshutshisayo kukuba abantwana basezilalini ngabona babethekayo xa kuthethwa ngemfundo, abakwazi ukuphuhlisa isakhono sokuphanda nanjengoko esithi utshintsho lungakhona, kwaye zibalole bakwazi ukufunda, bakwazi nokufundela ngaphandle kwaye babenomdla.

Zingama80 iincwadi kweli thala leencwadi, ezinye zezakhe aziqokelelayo azibhalileyo, ezinye uzinikwe ngugxa wakhe uMnumzana uNtwalana wesikolo iHolly Cross kuba enephupha kwaye efuna kuphuhle abantwana, ezinye wazifumana eMtshazi Library kuTsolo.

Iincwadi zikaMathe esele zipapashiwe ziquka eyokuqala ethi Umgqeku (Imibongo), Ixoshomba Liyahluma Nasentsindeni (Izaci Namaqhalo) neyokugqibela ethi Bafel'ilize (inovela).