Kubanjwe amadoda amane ziiHawks kuQumbu, eMthatha naseXhorha ngezenzo zokuxhwila eZimbane eMthatha.
Image: IOL
Amadoda amathathu ajongene namatyala amabini, elokuxhwila nelokurhafisa abantu okanye amashishini, ashiyeke ngaphakathi eziseleni eMthatha emva kokuba ethe ayalelwa ibheyile yinkundla yaseMthatha ngethuba evela ngoMvulo kule veki.
Ngokwengxelo yeeHawks zaseMpuma Koloni ithi, esi sithathu sabarhanelwa, uMhlangano Manciya (51), Xolani Honithi (44) kwakunye noSimzuzile Sitoyile (31) babandakanyeka kwisehlo esenzeke ngomhla we9 kule nyanga eZimbane eMthatha, apho kuye kwaxhwilwa indoda (48) emzini wayo ngamadoda amane esithi angamaPolisa eNational Intervention Unit (NIU).
Ingxelo iqhuba ithi, banyanzela ixhoba ekubeni liphume ngapha kwamasango nabaye bamkhwelisa bamsa kwindawo engaziwayo.
Kwangolo suku lunye, usapho lwexhoba lafumana umyalezo wokuba bakhuphe imali engachazwanga ukuze balikhulule ixhoba.
UWarrant Officer Ndimphiwe Mhlakuvana uthi amaPolisa aye axelelwa kwangoko ngesi sehlo kwavulwa ityala. Uthi emva kweentsuku ezintathu kwenzeke esi sehlo, ixhoba laye lakwazi ukuphonculuka apho laligcinwe khona layokufunyanwa lingonzakaliswanga kwikhaya likaSibonda welali kummandla wakuQumbu.
UMhlakuvana uthi kwaye kwenziwa uphando kulandelelwa wonke umkhondo kwimizi ethile kula mmandla kwiilali ezingachazwanga kuQumbu. NgoLwesihlanu kwiveki ephelileyo, esi sithathu sabarhanelwa siye sabhaqwa kwiidolophu ezohlukeneyo eMthatha, kuQumbu naseXhorha, sabanjwa savalelwa, owesine akakabhaqwa. Ngokophando olwenziwe ziiHawks, abarhanelwa baye bavuma kwaye bachaza neendima abathe bazidlala kwesi sehlo.
Abarhanelwa abangaphakathi eziseleni baza kuvela kwakhona phambi koMantyi waseMthatha ngoMvulo weveki ezayo. Uphando lusaqhubekeka nanjengoko kusakhangelwa umrhanelwa wesine nongekabanjwa.
Oyintloko yeeHawks eMpuma Koloni, uMajor General Mboiki Obed Ngwenya, uqwahabele izandla oogxa bakhe ngomsebenzi omhle abawenzileyo.