Iindaba

Ugwetyiwe owadlwengula intwazana ena10 eMonti

Abongile Ginya|Published

Ugwetyiwe owaseMzamomhle eMonti nowadlwengula intwazana eneminyaka elishumi kuphela ngo2021.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Ugwetywe iminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) engaphakathi ejele uLundi Tsiba (24) emva kokufunyanwa yiNkundla yeNgingqi yaseMonti enetyala lokudlwengula intwazana eneminyaka elishumi (10) yaseMzamomhle kude kufuphi naseGonubie eMonti.

Nagona nje ixhoba ngoku sele lineminyaka elishumi elinesine (14), esi sehlo sokudlwengulwa kwalo senzeka kweyeNkanga ka2021 ngethuba ixhoba lisiya kwitshomi yalo engakuloTsiba. Ingxelo ithi uTsiba wayenamashumi amabini (20) eminyaka ubudala ngala nyaka wabizela ixhoba kwityotyombe lakhe apho wafika waqala ngokulincokolisa emva koko walidlwengula.

Isithethi seNPA sithi, emva kokuba uTsiba edlwengule le ntwazana, yanxiba yahamba yadlula emzini owawunomcimbi yasela utywala ngendlela engalindelekanga kwanengaqhelekanga nekwaxhalabisa umama wexhoba oko. UTyali uthi umama wexhoba wabuza kwenzekani nekulapho ixhoba lathetha konke okwenzeke kulo emva koko kwabizwa amaPolisa uTsiba wabanjwa ngosuku olulandelayo.

Ixhoba laye lathunyelwa kwiziko lamaxhoba odlwengulo eMdantsane Thuthuzela Care Centre apho lavavanywa khona umonzakalo lafumana nololuleko ngokomphefumlo nengqondo. Iziphumo zovavanyo zaveza ukuba ixhoba akukho kokuqala lisehlelwa sesi sehlo lalikhe ladlwengulwa ngaphambili ngumalume walo liseneminyaka emithathu (3) kuphela.

INPA isamkele isigwebo esinikwe okaTsiba. Ithi iza kuqinisekisa ukuba iwathathela ingqalela amatyala ajongene nabantwana kwaye amalungelo abo ayakhuseleka ngalo lonke ixesha.