UJacinta Ngobese-Zuma obengumsasazi kwiVuma FM nokwangumsunguli weMarch and March Movement KwaZulu-Natal.
Image: Doctor Ngcobo/Independent Newspapars
Isikhululo sikanomathotholo kwiphondo laKwaZulu-Natal, iVuma FM, iziphendulele kwimbalelwano eyikhuphileyo zokugxekwa kwayo ngabalandeli kuba begxothe obengumsasazi uJacinta Ngobese-Zuma. IVuma FM ixhome le mbalelwano kwikhasi labo lonxibelelwano apho icacisa isithi ayimgxothanga uNgobese-Zuma koko kuphele ixesha lakhe, isivumelwano sengqesho, ngamanye, kwaye ingamgxothelanga nentsolo ezibekwayo zokuba ukugxothwa kwakhe kumalunga neNPO yakhe iMarch and March Movement.
Kule mbalelwano ingendanga iyikhuphileyo ithi akagxothwanga uNgobese-Zuma kufike ixesha lokuphela kwesivumelwano sengqesho. IVuma FM iqhubeke yathi bonke abasasazi kwesi sikhululo basebenza ngesivumelwano sengqesho, ithi yenze ngokohlobo eyenza ngalo kwaye akukhange kubekho mntu ubalukuhlileyo ekubeni benze oku. Esi sikhululo sitsho sibulela ixesha likaNgobese-Zuma limnqwenelela nokuhle ebomini.
UNgobese-Zuma nowaphumelela imbasa kwezosasazo uqale kwesi sikhululo ngo2019 kwaye unabalandeli abaninzi kumakhasi onxibelelwano nabathe benza isanxkwe ngokususwa kwakhe. Uxhome kwikhasi lakhe lonxibelelwano imbalelwano yakhe apho achazayo ukuba ileta yeVuma FM uyifumene ngoLwesibini kwiveki ephelileyo kwaye kungekho zizathu zibhaliweyo zokuba imkhululelani. Kule mbalelwano yakhe umsasazi ubulele ixesha alinikwe sesi sikhululo ekwabulela nabalandeli kwanabaphulaphuli bakhe esithi sebefana nosapho kwanezihlobo kuye.
Lo msasazi uyagqibelisa kwiveki ezayo umhla wama31 kwesi sikhululo. ISebe lezeMpilo eKZN, nebelirhuqwa nalo ngabalandeli kumakhasi onxibelelwano kusithiwa linesandla ekususweni kukaNgobese-Zuma, liziphendulele kumaphepha eIndependent Newspapers ngelithi lona alinanto yakwenza noko.
UNgobese-Zuma ukwalilo netshantliziyo nanjengoko ekwanguye nomsunguli wombutho ozimeleyo obizwa ngokuba yiMarch and March Movement, neliqela labantu elilwela abantu bamazwe angaphandle abafumana unyango mahala bekwaxhamla kwiinkonzo zaseMzantsi Afrika.
IKomishini yamalungelo oluntu neyaziwa ngokuba yiSAHRC yakugxeka okwenizwa yiMarch and March isithi wonke ubani okweli lizwe unalo ilungelo ngokomgaqo siseko.