Iindaba

Kuphinde kwabulawa ngokungenalusini enye intwanzana (12) eBhayi!

Abongile Ginya|Published

Kubhaqwe umzimba wentwazana eneminyaka elishumi elinesibini unyengezwe ehlathini eBhayi.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

AmaPolisa aseBethelsdorp abongoza kuye nabani na onokuba nolwazi malunga nomzimba wentwazana eneminyaka elishumi elinesibini (12) obhaqwe unamanxeba kwaye sele ibhubhile kwihlathi eliseFoxglove eExtension 31, eBethelsdorp.

Lo mzimba wexhoba ubhaqwe ngoLwesithathu kule veki phambi kwentsimbi yokuqala emini ngabahlali nabaye babiza amaPolisa. UCaptain Sandra Janse Van Rensburg uthi okwangoku awukaziwa unobangela wesi sehlo usaphandwa kwaye akukabanjwa mrhanelwa. Igama lomrhanelwa alichazwanga nanjengoko kusekutsha.

AmaPolisa abongoza nabanina onokuba nolwazi ngesi sehlo okanye othe walahlekelwa ngumntwana wakhe okanye isizalwane sakhe atsalele uWarrant Officer Allison Adams ku082 464 0208 okanye ku0860010111, kungenjalo atyelele kwisikhululo saseBethelsdorp okanye esikufutshane naye.

Isiganeko esibumila kunje akukho kokuqala sisenzeka kula mmandla, kutshanje kubhaqwe intwazana ekule minyaka nayo uLithaliyanda Ntini (12) idlwengulwe yatshiswa yabulawa sisizalwane.