Iindaba

Wabhaqwa emva kweentsuku esaphila owahlaselwa wadlwengulwa ngutata womntwana wakhe

Abongile Ginya|Published

USiphendule Cothela wakuCentuli eMthatha ugwetywe ubomi engaphakathi ejele ngokufunyanwa yinkundla enetyala lokudlwengula nokuzama ukubulala umama womntwana wakhe.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

IGunyabantu lezoTshutshiso nelaziwa ngokuba yiNPA, lisamkele isigwebo esenziwe yiNkundla yeNgingqi yaseMthatha ebichotshelwe eBhityi ngakuSiphendule Buku Cothela (29) emva kokuba imfumene enetyala lokudlwengula nelokuzama ukubulala inkosikazi awayethandana nayo nekwangumama womntwana wakhe.

Isehlo senzeka ngomhla wesibini kweyoMnga ka2023, ngethuba uCothela ehlasela ixhoba (21) kwindawo yentselo kwilali yabo kuCentuli eMthatha. Ixhoba lalihleli neetshomi zalo ngethuba libizwa ecaleni nguCothela ezenza obuza ngomntwana wabo. Emva koko walinyanzela ngenkani elirhuqela kwindlu engasahlali bantu apho wafika walidlwengula elibetha ngamanqindi, ngebhanti, walihlaba nangesikere de alakwazi ukuhamba ixhoba.

Isithethi seNPA eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali, uthi uCothela wavalela ixhoba kule ndlu likwimeko embi linjalo walishiya nelabhaqwa ngumnikazi wendlu emva kweentsuku ezintlanu. UTyali uthi umnini mzi walibalekisela kwiklinikhi ekufutshane ixhoba kuba ebona imeko, laye lathunyelwa esibhedlele ngenxa yobubi bemeko. Emva konyango esibhedlele, ixhoba laye lafumana uloluleko kwiziko lamaxhoba odlwengulo iThuthuzela Care Centre.

Ingxelo iqhuba ithi uCothela wabaleka ezimela wayokubanjwa kweyoMdumba kwilali yaseJojweni encatshe kwisizalwane sakowabo.

UTyali uthi ngethuba kuxoxwa ityala, ityala awalivumayo uCothela lelokubetha kuphela nowadiza ukuba akanalo ityala lokudlwengula kuba esithi zange akwenze oko. Umtshutshisi uLuvuyo Komanisi waveza ubungqina obaqokelelwayo obubonisayo ukuba ngenene umrhanelwa ulidlwengulile ixhoba.

INPA isamkele esi sigwebo ikwaqhwabela izandla ixhoba elaye labanamandla okuchaza zonke iinkcukacha ngokwathi kwenzeka kulo.