AmaPolisa abambe inkosikazi yaseWells Estate eBhayi ngezityholo zokutshisa.
Image: SAPS
Yinkosikazi enamashumi amane anesibhozo (48) ubudala yaseWells Estate, eGqeberha, ebanjwe ngamaPolisa ngentsasa yangoLwesibini malunga nezityholo zokuzama ukutshisa iofisi kaceba wabo ngethuba bevuke ngentseni abahlali bala mmandla babamba uqhankqalazo olumalunga nokucotha kweenkonzo zoluntu.
Ingxelo ephuma kuCaptain Sandra Janse Van Rensburg ithi abahlali baseWells Estate eRabbie Village baqalise noqhankqalazo lwabo emva kwentsimbi yesihlanu ekuseni apho baye bajula ipetroli kwiofisi kaceba.
UJanse Van Rendburg uthi kumlilo lowo khange kubekho nto imoshakalayo neyonakalayo kwiofisi leyo kaceba. Uthi emva kwentsimbi yesithandathu kwasekuseni njalo baye bayokutshisa amatayala emoto nodoti phambi kweholo labahlali nalapho le nkosikazi iye yabanjwa khona.
Ingxelo iqhuba ithi, kwisitalato iAnovuyo kwaseWells Estate abahlali bafike batshisa ibhasi kwakunye nebhaki. Akukho mntu uye wonzakala nanjengoko amaPolisa ebeyijonge ngamehlo okhozi le ndawo.
Inkosikazi le ijamelene nezityholo zokutshisa, ukonakalisa izakhiwo, nobundlobongela basesidlangalaleni. Ungaphakathi eziseleni nekulindeleke ukuba avele phambi koMantyi waseMotherwell kungekudala.