Iindaba

Bayalelwe ibheyile abarhanelwa (6) abazenza amaPolisa baxhwila owasePakistan!

Abongile Ginya|Published

Abarhanelwa abathandathu abaquka abaseMzantsi Afrika nasePakistan baseluvalelweni emva kokwalelwa ibheyile ziiHawks.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Ngabarhanelwa abathandathu abanganikwanga bheyile ngethuba bevela phambi koMantyi waseRhafu ngoMvulo malunga nezityholo abajongene nazo zokuxhwila usomashishini onamashumi amahlanu anesihlanu (55) eRhafu welizwe lasePakistan.

Ingxelo ephuma kwiiHawks zaseMpuma Koloni ithi abarhanelwa abanye ngabaseMzantsi Afrika abanye ngabelizwe lasePakistan nabaxhwila lo somashishini ngenyanga yoMdumba kulo nyaka eRhafu.

ULieutenant Colonel Avele Fumba uthi ngokwengxelo abarhanelwa bafika kulo somashishini bezenza amaPolisa besithi bahambele ngokomsebenzi bayalela lo somashishini ekubeni abalandele ukuya kwisikhululo samaPolisa nongazange abuye ekhaya lo somashishini.

Iqela leeHawks laseMpuma Koloni lisebenzisana neenkampani zoonogada zabucala, iSoweto Flying Squad kwakunye neCrime Intelligence, intsebenziswano yazo yakhokelela ekubhaqweni kwalo somashishini e-Everton kwiphondo laseGauteng ngomhla we13 kwinyanga yoKwindla 2025.

UFumba uthi abarhanelwa abane baye babanjwe kumaphondo awohlukeneyo, ze ababini babanjwa mva. Abarhanelwa bobathandathu bavelile ngoMvulo umhla we14, baza kubuya bavele kwakhona ngomhla wesine kweyeThupha. Bangaphakathi eziseleni.