INkumanda yeEFF yePhondo eMnquma, uVuyani Manxodidi, ngethuba eyokuvela kumaxhoba ashiyeke engenanto emva kokutshelwa ngamagumbi ebehlala kuwo kwaMolo kumbindi wedolophu eGcuwa.
Image: UTHUNYELWE
UMasipala waseMnquma sele ubabonelele ngoncedo olukhawulezileyo abo ekuse ngeCawe bezibona bengenandawo yokuhlala emva kokuba kuqhambuke umlilo kumagumbi aziwa ngokuba kukwaMolo kumbindi wedolophu yaseGcuwa neyayikade iyindawo yokuhlala abafundi besikolo iButterworth High School.
Lo mlilo kurhaneleka ukuba udalwe ngumlo phakathi kwesibini esithandanayo ngenxa yefowuni ngokokutsho kweengxelo. Ongumhlali kule ndawo nolixhoba, uTamara Zezani, uthi ukwazile ukusindisa ezakhe iimpahla kuba ekude neli gumbi liqale umlilo, nangona zonakele iimpahla zakhe kuba ebekhupha ngokugxabhagxabhisa.
UZenani uthi abantu abaninzi bebehlala kule ndawo ngenxa yempangelo kwaye benabantwana abafunda edolophini. Uthi bengamaxhoba banexhala ukuba kuza kwenzeka ntoni emva koku.
"Lo mlilo uvele apha ubeke uninzi engozini kwaye kusekutsha andiqondi ukuba sele benayo indlela ekhawulezileyo, ingakumbi abo banabantwana, umzekelo izatifikethi, izazisi zabantwana. Kule ndawo oko besihleli ngokungcungcutheka nanjengoko besimane ukuxelelwa ukuba masiphume kuba iyafunwa ngurhulumente koko singazazi ukuba siza kuyaphi ukuphuma kwethu."
UMasipala waseMnquma unikezele ngeengubo zokulala, oomatrasi kwakunye nokutya kumaxhoba nababalekiselwe kwiholo lelokishi yaseCuba apho adityaniswe namaxhoba ezikhukhula zenyanga ephelileyo ezishiye uninzi lungenawo amakhaya.
Isithethi saseMnquma, uLoyiso Mpalantshane, uthi la maxhoba ebehlala kumagumbi aphantsi kweSebe leMisebenzi yoLuntu kwaye noluntu obelukade luhlala apha beluhlala ngetshova kuba kwakukudala kungekho semthethweni ukuhlala kwabo kule ndawo.
"Abahlali bekukudala bebongozwa ukuba baphume kule ndawo okanye bazifunele enye indawo. Noosomashishini abasondeleyo kule ndawo njengoko ikumbindi wedolophu bekukudala bekhala ngale ndawo ngenxa yengxolo, indawo yentselo engekho semthethweni kwaye kusetyenziswa neziyobisi," utshilo uMpalantshane
Umbutho weEFF kummandla waseMnquma nawo ufake isandla kumaxhoba ngokuwasela into etyiwayo ekhawulezileyo ngeenzame zokubonisa inkxaso yayo ngokokutsho kwenkokheli yeEFF eMnquma.
Okwisikhokelo kwiEFF uVuyani Manxodidi uthi oku kwenzeke ekuzeni kusa abantu abakwazi ukukhupha izinto baphuma nezo zikubo eziqwini kuphela.
Uthi ngethamsanqa akukho mntu uye wonzakala kwaye nabantwana besi sibini bebengekho ngethuba lesi siganeko.
"Sincoma nongenelelo oluye lakhawuleza loMnquma. Nathi siyiEFF siza kuqhubekeka sinika inkxaso kumaxhoba," utshilo esoleka ngelithi indawo ebebehlala aba bahlali ibingakhuselekanga.
"Sithethile noMnquma ekubeni la maxhoba ongezwe kwinani lamaxhoba ezikhukhula azakuthi akhelwe iindawo zokuhlala."
UManxodidi uvale ngelithi inkxalabo kukuba uphazamiseko notshintsho luza kubakona ebantwaneni besikolo kuba bebengakhweli befunda kwasedolophini abanye befunda kuNdabakazi.
Elinye lamaxhoba I'solezwe lesiXhosa elithethe nalo nebelingekho ngethuba kusenzeka oku, lithi kubuhlungu kwaye kungaske lingabisabuya apho likhoyo kuba intlungu iza kuqala phantsi, liza kufikela phandle kwaye lingenayo neyokuqala.
Ingxelo ithi aba bahlali bekusele ilixesha elide iyinto engapha kweminyaka engamashumi amabini behlala felefele kule ndawo bengahlawuli renti. Ixesha elide abahlali kule ndawo bekukudala besuswa nanjengoko bebehlala ngokungekho semthethweni.
UMnquma uthi akukho mntu wonzakeleyo kwesi sehlo somlilo.