Inyathi ebisetyenziswa ukuxhwila amakhwenkwe amabini nekuye kwabhubha yanye kwasinda yanye kuQumbu.
Image: SAPS
Angaphakathi eziseleni amadoda amabini omnye wabo nongumnikazi weeteksi kummandla wakuQumbu abajongene netyala lokuxhwila kwanokubulala nabalindele usuku lwabo lokuphinda bavele phambi koMantyi wakuQumbu apho baza kube befaka isicelo sebheyile.
Ngokwengxelo ephuma kuCaptain Welile Matyolo, esi sibini sabarhanelwa nguThembalethu Ncudu (32) kwakunye noSifiso Nene (33) nongumikazi weteksi eluhlobo lweInyathi, ngomhla wokuqala kwinyanga ephelileyo kweyeSilimela, baxhwila amakhwenkwe amabini aphakathi kwamashumi amabini anesibini (20) ubudala ukuya kumashumi amabini anesibini anesibini (22) kumbindi wedolophu kuQumbu babafaka kule Inyathi kuba bebatyhola ngelithi babe ibhegana eyayineefowuni ezimbini ngaphakathi kwakunye nemali. Ityala lokuxhwila lavulwa ngomhla wesithathu (3) kwisikhululo samaPolisa sakuQumbu.
UCaptain Matyolo uthi eli inama20 eminyaka ixhoba lafunyanwa kowalo eMarhambeni ngamaPolisa linamanxeba lasiwa esibhedlele, oko kwakhokelela ekubanjweni komrhanelwa wokuqala uNcudu nowaye wavela okokuqala phamabi koMantyi wakuQumbu ngomhla wesine (4) kweyeSilimela. Umnikazi weInyathi uNene welali iMahlungulu wabanjwa ngomhla we15 kweyeSilimela naye.
Ingxelo iqhuba ithi umzimba wexhoba lesibini ufunyenwe kuLwesine weveki ephelileyo umhla weshumi kweyeKhala ubotshelelwe izandla kwakunye neenyawo ngentambo unyengezwe kwidonga elikwilali kaNene eMahlungulu nobhaqwe ngabahlali.
AmaPolisa athi esi sibini sabarhanelwa sijongene netyala lokuxhwila nokubulala. Imoto yomrhanelwa Inyathi ithathiwe ngamaPolisa njengokuba ibisetyenziswe kulwaphulomthetho.