Iindaba

Balithoba ababanjelwe ukubulala isihlobo kuba kufunwa imali zeinshorensi eLibode!

Abongile Ginya|Published

Omnye umrhanelwa ushiyeke ngapahakathi eziseleni abasibhozo baphume ngebheyile nabajongene netyala lokubulala indoda yaseLibode.

Image: File/IOL

UMkomishinala obambeleyo wamaPolisa eMpuma Koloni, uMajor General Thandiswa Kupiso, uqhwabele izandla igqiza lophando elithe lakhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa abalithoba (9) ababandakanyeka kwityala lokubulula uSiwaphiwe Bushula (26) waseLibode eMpuma Koloni.

Ngokwengxelo ephuma kuBrigadier Nobuntu Gantana, aba barhanelwa abalithoba nabaphakathi kwamashumi amabini anesithandathu (26) ukuya kumashumi amahlanu anethoba (59) ubudala ngokweminyaka, babanjwe kwindawo yaseThabong eWelkom ngomhla weshumi (10) kwinyanga ephelileyo kweyeSilimela.

UBushula wadutyulwa wabulawa ngamadoda angaziwayo kwikhaya lakhe kwilali yaseJamani eDaligubha phambi kosuku lweKrisimesi kunyaka ophelileyo u2024. Abarhanelwa bavele bonke phambi koMantyi waseLibode nabangaphandle emva kokufumna ibheyile nabazakuphinde babuyele kwakhona ngomhla wesithathu (3) kwinyanga yeDwarha.

UGantana uthi orhaneleka ukuba nguye odubulileyo, uThandikhaya Mazule (42), akayifumenanga ibheyile ushiyeke ngaphakathi eziseleni, uza kuvela kwakhona ngomhla wama22 kwakule nyanga yeKhala apho aza kube efaka isicelo sebheyile.

Ingxelo iqhuba ithi, uJackson Bushula (59) nohlala eWelkom nongumalume kaSiwaphiwe, amaPolisa akholelwa ukuba nguye obengungqondongqondo kweli yelenqe lokubulawa komtshana wakhe uSiwaphiwe, kuba efuna iimali zeinshorensi.

AmaPolisa athi uphando lusaqhuba. Aba barhanelwa balithoba bajongene neli tyala nguJackson Bushula (59), Malibongwe Nokweza (40), Thandikhaya Mazule (42 nosashiyeke ngaphakathi eziseleni), Nomvula Manise (48), Nomveliso Nqetho (51), Vuyisile Wiso (45), Lisa Wiso (51), Alex Manise (23) kwakunye noAsherley Sigwela (34).