Ekhokele uMphathiswa uBukiwe Fanta igqiza lakhe ngasemva nguSodolophu woMnquma uTunyiswa Manxila-Nkamisa, uCeba waseBawa umam' uMthintsilana, uPetros Majola weKhula Community Development Project kwakunye namagosa beyokugxwala emswaneni kwikhaya lenkondekazi (102) ngoMvulo kule veki.
Image: Abongile Ginya/I'solezwe lesiXhosa
Ubanjiwe umrhanelwa (37) kwaye ujongene nezityholo zokuqhekeza, ukudlwengula nokubulala uNontsumpa Mbayimbayi (102) waseBawa koMkhulu eGcuwa.
Le ndoda iza kuvela kusasa ngoLwesihlanu umhla we11 phambi koMantyi waseGcuwa malunga nezi zityholo ijongene nazo.
Ngokwengxelo ephuma kumaPolisa aseMpuma Koloni, ithi lo mrhanelwa ubanjwe izolo uLwesithathu emva kokuba amaPolisa ethe alandelelela kumkhondo awuve ngethuba eqhuba nophando bekula lali.
ULieutenant Colonel Siphokazi Mawisa uthi umrhanelwa uthe akubona imoto yamaPolisa wabaleka ukuyokuzimela ehlathini wakhangelwa wabhaqwa wabanjwa.
UMphathiswa woPhuhliso loLuntu, uBukiwe Fanta, uSodolophu waseMnquma kwakunye nesifundisi saseMpuma Koloni besikuthandazele oku ekubeni umrhanelwa avele abanjwe ngethuba beyokugxwala emswaneni kweli khaya lale nkondekazi uNontsumapa.
Ilali yaseBawa koMkhulu yilali ephakathi kwehlathi, imizi irhangqwe lihlathi. INkosi yala ndawo uGabulizigcawu Masimthembe Nqenqa ukhalile ngeli hlathi esithi sele besifakile nesicelo kuMnquma ukuba lichithwe. UNqenqa uthi abenzi bobubi bala lali benza obubi bakugqiba bazimele kwakufutshane kwihlathi kungabilula ukuba babhaqwe ngokukhawuleza xa kuphunywe iphulo ngabahali.
Le nkondekazi ibingumntu wesine ukugetyengwa ongumama kula lali. UFanta uye waqinisekisa ukuba njengokuba bengazange babanjwe aba bala maxhoba mathathu angaphambili, lo kaNontsumpa uza kuvela.
Le nkondekazi iza kungcwatywa ngomhla we19 kwimpela veki ezayo.