ULithaliyanda Ntini (12) udlwengulwe, watshiswa wabulawa kwaNU6, eMotherwell kwinyanga ephelileyo kweyeSilimela.
Image: FACEBOOK
Omnye woobhishophu besigqeba sesifundisi eMpuma Koloni, uBhishophu Mfaca, usikhalimele isenzo esibi esenziwe ngomnye wabo, uSonwabo Nqayi (39), waseMotherwell eBhayi ojongene netyala lokuxhwila, ukudlwengula, ukubulala kwanokudelela ingalo yomthetho. UMfaca uthi okaNqayi ungcolise igama labo besisifundisi eMpuma Koloni, uthi akwenzileyo soze kwamkeleke nanini na.
Uthi lo unentliziyo embi kwaye engafanelekanga ukubizwa njengomfundisi ngenxa yesenzo esibi asenzileyo. UMfaca ukuthethe oku eBawa, eGcuwa, ngethuba ehamba noMphathiswa uBukiwe Fanta, uSodolophu uThunyiswa Manxila-Nkamisa neKhula Community Development Project beyokubopha amanxeba kusapho lakwaMbayimbayi apho kubulewe inkondekazi ebineminyaka eli102 ubudala kubusuku bangoLwesithathu kwiveki ephelileyo.
UNqayi ungaphakathi eziseleni nalapho alindele ukuvela okwesibini phambi koMantyi waseMotherwell ngoLwesihlanu umhla we11 nazakube efaka isicelo sebheyile.
Ukubanjwa kukaNqayi kuza emva kokuba ngomhla wama25 kweyeSilimela wathi waxhwila uLithaliyanda Ntini (12) kusemva kwentsimbi yesine emva kwemini ngethuba ethunywe evenkileni kowabo. Umntwana zange abuye baxhalaba abazali bayokubika emapoliseni ze umzimba wabhaqwa ekuzeni kusa kwihlathi elikufutshane nesitalato iKhobonqaba kwaNU6 eMotherwell, ebhaqwa edlwengulwe kwaye umzimba wakhe utshisiwe.
Ngokwengxelo yabasondeleyo kuNqayi, ithi akangomfundisi nje ukwasiso nesihlobo kule ntwazana.
OweKhula Community Development Project, uPetros Majola, nobekweli khaya lakwaMbayimbayi naye, uthi amadoda mawakhe azilungise azifune, watsho esithi kona abasoze bayeke ukuheshula izenzo ezibi kanje.