UMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke uNjengele Fannie Masemola uthi ulindele uMongameli uCyril Ramaphosa ukuba abuyele eMzantsi Afrika ukuze amnike ingxelo malunga nokwenzeka esipoliseni.
Image: Siyabulela Duda/GCIS
UMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke, uNjengele Fannie Masemola, ngoLwesithathu uthe ulindele ukubizwa nguMongameli uCyril Ramaphosa ukuze anike ingxelo yakhe phakathi kwengxushungxushu egquba abezomthetho eMzantsi Afrika.
Kwindibano noonondaba, uMasemola uthethe neentatheli esebenzisa ubuxhakaxhaka bale mihla ekwiziko eliseVanderbijlpark, eGauteng, apho athe imeko yangoku [emapoliseni] ayizangwe ibonwe ngaphambili.
"Manditsho ngokungananaziyo ukuba le meko yangoku [emapoliseni] ayizange ibonwe ngaphambili kwaye iyaxhalabisa, ifuna ungenelelo olungagungqiyo ukubuyisela uzinzo kwakhona. Sikubulela ngokupheleleyo ukuzinikela kukaMongameli woMzantsi Afrika, uMongameli Cyril Ramaphosa, nothe uza kuwuhoya lo mba akufika nje kwakhe kweli lizwe," utshilo.
"Sikulungele ukunika ingxelo kuMongameli kwaye ngenxa yoko uMkomishinala kazwelonke akanakwenza nto ngoku. Silindele ukuba siza kuthethathethana noMongameli xa esibiza nanini na."
Ngethuba ethetha noonondaba ngeCawe, uLieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi, uvakalise ukuba ukulungele ukulwa kwaye uzimisele ukufela abantu baseMzantsi Afrika.
UMkomishinala wamaPolisa eKZN utyhole uMphathiswa wamaPolisa ngokungenelela kwimisebenzi yamapolisa kwaye wachaza banzi ngendlela uMphathiswa nogxa wakhe uBrian Mogotsi abayanyaniswa nomboneleli wenkonzo weSAPS uVusumuzi “Cat” Matlala owathi wanikwa ithenda yeSAPS yeR360 million ngo2024.
Ngenyanga kaCanzibe walo nyaka, uMasemola wayirhoxisa ikhontrakthi, echaza ukuba inkampani kaMatlala bekungafanelanga ukuba idlule kumjikelo wokuqala ngethuba kufakwa izicelo.
UMkhwanazi uthe ukubanjwa kukaMatlala kutshanje ngezityholo zokuzama ukubulala kukhokelele amapolisa ekubhaqeni, ngohlalutyo lwefowuni, uthungelwano lwezityholo zorhwaphilizo ezibandakanya uMatlala, uMogotsi noMphathiswa.