Iindaba

Ufunyenwe ngaphakathi ezinkundleni obekudala efunwa ngokubulala iPolisakazi KwaBhaca!

Abongile Ginya|Published

UMakabongwe Vukaphi (31) onjongene nezityholo zokubulala iPolisakazi laKwaBhaca uSergeant Nomlindelo Faye (35) ngo2020.

Image: Hawks

Emva kweminyaka emine ebaleka ingalo yomthetho, uMakabongwe Vukaphi (31), obejongene nezityholo zokuxhwila kwanezokubulala uSergeant Nomlindelo Faye (35) ngonyaka ka2020 nowayesebenza kwisikhululo samapolisa saKwaBhaca, ude wabe uyabanjwa ziiHawks zaseMpuma Koloni.

UVukaphi uvelile ngoMvulo kule veki phambi koMantyi KwaBhaca okokuqala malunga neli tyala washiyeka ngaphakathi eziseleni nalapho aza kuvela kwakhona kuMvulo weveki ezayo nezakube efaka isicelo sebheyile.

Ngokwengxelo ephuma kuWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana, lo mrhanelwa ubanjwe ngomhla wesine kuLwesihlanu weveki ephelileyo. IPolisakazi laliphangele ngethuba lixhwilwa libulawa kweyeThupha ka2020 ngumrhanelwa lathathelwa nompu walo labhaqwa sele libhubhile kwindawo leyo yexhwayelo kwaye linamanxeba okudutyulwa.

UMhlakuvana uthi umrhanelwa uduke ukusukela ngo2020 kwaye kudala ekhangelwa. Uthi uVukaphi ufunyenwe ziiHawks ngaphakathi ezinkundleni KwaBhaca eyokuxoxa malunga nelinye ityala ajongene nalo, noye wabanjwa kwangoko wavalelwa.

Obambele njengeNtloko eMpuma Koloni kwiiHawks, uBrigadier Fernando Luis, uqhwabele izandla abaphandi betyala ngokuqinisekisa ukuba obekudala efunwa ude wafumaneka kwaye ubhaliwe ezincwadini zabophula umthetho.