IiHawks ziphanda uMphathiswa weMfundo ePhakamileyo uNobuhle Nkabane ngezityholo zobuqhophololo.
Image: GCIS
IiHawks zingqinile ukuba ziphanda amatyala olwaphulomthetho ngakuMphathiswa weMfundo ePhakamileyo uGqirha Nobuhle Nkabane, kulandela isikhalazo esifakwe ngumbutho weDemocratic Alliance (DA) kwiveki ephelileyo.
I-DA ityhola ngelithi uNkabane uxokise iPalamente waza waququzelela amaqabane eANC ukuba aqeshwe kwiibhodi zeSector Education and Training Authority (SETA). UNkabane utyholwa ngobuqhophololo kunye nokuxokisa iPalamente phantsi koMthetho wamagunya, amalungelo awodwa kunye nokhuselo lwePalamente.
Isithethi seeHawks kuzwelonke, uColonel Katlego Mogale, uqinisekise abeIOL News ngenjikalanga yangoMvulo ukuba eli tyala lisekwinqanaba lokuqala.
“IiHawks zingangqina ukuba ityala livuliwe ukuze liphandwe, nelisekwinqanaba lokuqala,” utshilo uMogale.
“Iinkcukacha ezithe vetshe azinakugocagocwa kumajelo eendaba.”
Isithethi seDA kuzwelonke, uKarabo Khakhau, uqinisekise uphando lweeHawks, esithi umbutho uyalwamkela uqwalaselo olumandla olunikwe kwesi sikhalazo.
“Siyayamkela into yokuba isikhalazo solwaphulomthetho ngakuNkabane sijongwe ngeyona ndlela inzima ziiHawks,” utshilo uKhakhau.
“Akukholeleki ukuba uMongameli Ramaphosa usahleli engenzi nto kwaye ethule ngezityholo zobuqhophololo beANC kunye nokophulwa komthetho kwisigqeba sikazwelonke.”
UKhakhau ugxeke uMongameli uCyril Ramaphosa ngokungathatheli manyathelo ngakuNkabane nabanye abaPhathiswa beANC abajongene nezityholo zobuqhophololo kuquka noMphathiswa wokuHlaliswa koLuntu uThembi Simelane.
UNkabane ujongene nezityholo zobuqhophololo kunye netyala lokuxoka ePalamente.
NgokweDA, uye [uNkabane] waqulunqa iqhinga elathi labona abantu abaphezulu beANC namahlakani abo beqeshwa kwizikhundla eziphezulu zebhodi yeSETA.
Abanye abaxhamlileyo baquka unyana woMphathiswa weziMbiwa uGwede Mantashe, uBuyambu, owayesakuba yiNkulumbuso yaKwaZulu-Natal uGqirha Nomusa Dube-Ncube, nabanye abantu abakwizikhundla eziphezulu kwiANC.
UKhakhau uthi uNkabane wayesongamela “iqhinga lokwenza amaqabane eANC atyebe” kwaye wenza ubuqhophololo ukuze alifihle.
“Ngenxa yoku kusetyenziswa gwenxa kwegunya, khange ohlwaywe nguMongameli Ramaphosa,” wongezo watsho.
I-DA ithi ijonge ukuqhubeka nentsebenziswano neeHawks njengokuba uphando luqhubeka.
“Siza kubonelela ngohlaziyo oluthe kratya njengoko kuqhutywa olu phando lolwaphulomthetho ngakuMphathiswa weANC uNkabane,” utshilo uKhakhau.