Abanye babafundi baseNombulelo Secondary School eRhini bebonisa ngelogo yabo abayizobileyo kukhuphiswano obeluqhutywa yiWind Garden eRhini ezakuthi isetyenziswe kwiprojekthi eqhubayo yamaphiko ophehlo lombane womoya kula mmandla.
Image: WIND GARDEN
Bathathu abafundi abathe bazenzela igama emva kokuba bethe bathabatha inxaxheba kukhuphiswano lokuzoba ilogo ebonisa amaphiko okuphehla umbane ngomoya (wind farm) obeluqhuba eRhini.
Abafundi abaphuma kwisikolo esinye, iNombulelo Secondary School, nabenza uGrade10, nguMivuyo Ngetu, Omele Nangu kwakunye noAmandla Wayi nabaphumelele kwindawo yokuqala.
Imizobo yaba bafundi iye yabanethuba lokuboniswa ngayo kwiWind Garden, neyiseyiprojekthi entsha futhi esenziwayo kula mmandla.
Impumelelo yabafundi iza emva kokuba iWind Garden ithe yakhuthaza izikolo ukuba zithabathe inxaxheba ekuveliseni ilogo entsha yale projekthi yokwakhiwa kwamaphiko okuphehla umbane ngomoya kula mmandla.
Ophumelele kwindawo yesibini umfundi nguChelsea Marx wesikolo iHendrik Kanise Combined School kwaseRhini, ze ophumelele kweyesithathu yanguAsiphesana Jack wesikolo iNtsika Senior Secondary School.
Aba bafundi baphumeleleyo bafumene nezipho zakwaPick n Pay ekuquka kuzo neencwadi.
“Siyivuyela ngokungazenzisiyo eyokuzinikela kwabafundi ngenxaxheba yabo abayidlalileyo, kuquka nootitshala babo abathe babaxhasa bebaququzelela, kuquka nezinye izikolo ezenze ukuba lubeyimpumelelo olu khuphiswano. Oku kuyakhuthaza ukubona italente enje ebantwaneni kwanokuxhasa iWind Garden,” utshilo uAngela Harrison, onguMphathi weSED eWind Garden.
Ezinye izikolo ebezithathe inxaxheba kolu khuphiswano lokuzoba ilogo yeli phiko lokuphehla umbane ngomoya eyakhiwayo, yiKhutliso Daniels Secondary School, Mary Waters Secondary School, Nathaniel Nyaluza Secondary School kwakunye neT.E.M. Mrwetyana Secondary School.