Iindaba

UMkhwanazi uthi uza kuvula ityala ngakuMchunu ngokungenelela kwimiba yesipolisa

Mthobisi Nozulela and Sihle Mlambo|Published

UMkomishinala wamaPolisa eKZN, uLieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi, wenze izityholo ezinobuzaza ngakuMphathiswa wamaPolisa kuzwelonke, uSenzo Mchunu, noSekela Mkomishinala wamaPolisa kuZwelonke, uLieutenant General Shadrack Sibiya.

Image: SAPS

Kwindibano noonondaba ibitaka iintlantsi ngeCawe, ipolisa eliphezulu KwaZulu-Natal, uMkomishinala wamaPolisa ePhondweni, uLieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi, uvakalise ukuba ukulungele kwaye uzimisele ukubhubhela ibheji yamapolisa, ebeka izityholo ezinobuzaza ngakuMphathiswa wamaPolisa, uSenzo Mchunu, kunye noSekela Mkomishinala kaZwelonke, uLieutenant General Shadrack Sibiya.

UMkhwanazi uthe uza kuvula ityala ngakuMchunu ngezityholo zokungenelela kwimiba yesipolisa. Uthe oku kudlulele kwisandla soMphathiswa nakwimpembelelo ekuvalweni kweqela eliphanda ukubulawa kwabantu bezopolitiko.

Ukwathe kukho ekudibanisa ihlakani loMphathiswa kunye nezityholo zezenzo zolwaphulomthetho, nezenziwe ngokuhlalutya ifowuni.

UMkhwanazi ukwabonakala ekhusela umphathi wakhe, uMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke uFannie Masemola kunye namagosa aphezulu asanda kubanjwa. Ubhengeze ukuba umphathi wakhe nguMkomishinala wamaPolisa, hayi omnye umntu, kwaye uMphathiswa wamaPolisa akanamalungelo namagunya okuvala amacandelo amapolisa. Ukwavakalise ukuba kukho iyelenqe lokususa uMasemola ngenjongo yokudodobalisa uzinzo kumapolisa.

UMkhwanazi udize izinto ezothusayo, etyhola uMchunu ngokungenelela kwimisebenzi yesipolisa nokuvala igqiza elalijongene nokubulawa kwabantu bezopolitiko nanjengoko laliqala ukufumanisa ukuba kukho into edibanisa iqela elikhulu elinamandla elishishina ngeziyobisi noosopolitiki, amapolisa nabatshutshisi.

Ukwathe uMchunu uququzelele indibano yabucala phakathi kwakhe, uSibiya noMkhwanazi, nalapho ebezama ukulungisa ukungaboni ngasonye phakathi kwabo.

UMkhwanazi uthe “akunakuze kubekho uxolo phakathi konqevu nepolisa”, utshilo, echaza uSekela Mkomishinala wamaPolisa kuzwelonke, uSibiya, njengesikrelemnqa.

“Sikwimo yokulwa, ndijongene nabaphuli mthetho ngqo … Ndilipolisa eliwuqondayo umsebenzi ekufuneka wenziwe xa ndandingena emapoliseni.

“Ndakhetha icala lokulwa lamapolisa. Ndiyayiqonda into yokuba ngalo mzuzu imfazwe esijongene nayo ijongene namagosa aphezulu,” utshilo Mkhwanazi.

UMkhwanazi, enxibe iyunifomu yakhe yokulwa yeSpecial Task Force (STF) kwaye engqongwe ngamanye amagosa axhobileyo aphuma kwiyunithi yeSTF neTRT, uthe amatyala alikhulu elinamashumi amabini ananye (121) akhutshwa ngequbuliso kweli qela ngeyoKwindla aza agcinwa kwikomkhulu lamapolisa ePitoli.

Ngokutsho kukaMkhwanazi, eli nyathelo kuvakala ukuba lithathwe phantsi komyalelo kaSibiya, ekutyholwa ukuba wenze ngokomyalelo kaMchunu.

“Oku kwenziwa ngaphandle kwegunya loMkomishinala kaZwelonke, nam njengoMkomishinala wePhondo andizange ndixelelwe,” utshilo uMkhwanazi.

“Iidokethi ezintlanu kwezi zinemiyalelo yokuba kubanjwe abenzi bobubi, kodwa akukho nto yenziweyo zihleli kwindawo yogcino-mpepha kwiofisi yakhe ePitoli. NguThixo kuphela owaziyo ukuba kutheni.”

Lo Mkomishinala utyhola ngelithi icandelo elichithiweyo libhaqe okudibanisa iqela labaphuli mthetho kuzwelonke, abezopolitiko, amagosa asebupoliseni, nabatshutshisi abaphezulu, nto leyo ethe yakhokelela kuxinzelelo lokuyekisa umsebenzi wabo.

“Ndingaqinisekisa kubemi boMzantsi Afrika namhlanje ukuba uphando lwala malungu ebebandakanyeka eGauteng lubhentsise iqela lezaphuli mthetho. Ibandakanya abezopolitiko abasebenza ePalamente,” utshilo.

Lo kaMkhwanazi ukwatyhole uMchunu ngokulahlekisa iPalamente malunga nobudlelwane bakhe noBrown Mokgotsi, ihlakani elalifikelela kumaxwebhu antsonkothileyo asebupoliseni nokwathetha naye ngezigqibo zangaphakathi zeSAPS eziquka ukuchithwa kweli candelo.

“UMphathiswa wakhanyela ukuba uyamazi uMnu. uBrown Mokgotsi ePalamente, kodwa kamva waqinisekisa esidlangalaleni ukuba liqabane lakhe elisuka kuMntla Ntshona,” utshilo uMkhwanazi.

Ukusukela oko lasekwayo ngo2018, igqiza elijongene nokubulawa koosopolitiki iPolitical Killings Task Team lalicandelo elibandakanya abachaphazelekayo abohlukeneyo abafana neNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika, iGunyabantu lezoTshutshiso, uKhuseleko loMbuso, kunye neeNkonzo zoLuleko. Yayigxile ekubulaweni kwabantu okusekelwe kwezopolitiko kunye nolwaphulomthetho olunxulumene noku KwaZulu-Natal.