Iindaba

Uvele enkundleni oyanyaniswa nesiganeko sokubulawa kwabantu abasibhozo eGugulethu

Mandilakhe Tshwete|Published

Umrhanelwa kwisiganeko sokubulawa kwabantu abaninzi eGugulethu uLungile Anthony Madolo.

Image: SAPS

Indoda etyholwa ngokubulala abantu abasibhozo eGugulethu ixelele iNkundla kaMantyi yaseAthlone ukuba yazinikezela emapoliseni emva kokubona umfanekiso wayo ujikeleza kumakhasi onxibelelwano.

ULungile Anthony Madolo, nokwaziwa ngelika “Fire”, uvele okokuqala enkundleni ngoLwesithathu malunga nesiganeko sokudubula kwabantu abaninzi kumatyotyombe aseKanana ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kweyeSilimela 2025.

Ngokwephepha lamatyala, icharge sheet ngelasemzini, uMadolo utyholwa ngokubulala uVuyolwethu Makongo, Siyanda Thongana, Afezile Thongana, Hlomla Thongana, Somile Vithela, Luyolo Zoneleni, Loyiso Jezile, kunye noPhumlani Zoya. Onke amaxhoba yayingamadoda, yaye onke adutyulwe ngompu.

Amapolisa akhuphe umfanekiso kaMadolo kunye nokaLoyiso Matinisi, esithi angancedisa ngolwazi olubalulekileyo malunga noku kubulawa kwabantu.

Enkundleni, umtshutshisi woMbuso wazise uMantyi uKeith Le Keur ukuba kukho izicelo zamajelo eendaba zokuthatha imifanekiso neevidiyo zomtyholwa, kodwa wathi uza kuchasa ukupapashwa kobuso bukaMadolo ngethuba esenkundleni, ngenxa yokuba akakami emgceni neqela labantu ukuze afaniswe ngamaxhoba okanye amangqina ukuba ngumrhanelwa kusinina (identity parade).

Umtshutshisi uthe, nangona kunjalo, amajelo eendaba angasebenzisa imifanekiso eyayikhutshwe ngaphambi kokubanjwa kwakhe.

“Bekukho umba wangaphambili apho umfanekiso wakhe ubushicilelwe, kodwa kukho umahluko omkhulu phakathi kwangoko nangoku,” utshilo umtshutshisi enkundleni.

UMadolo uphendule ngqo kumantyi wathi: “Ndibone umfanekiso wam undanda kungoko ndiye ndazinikela emapoliseni. Anditshintshanga, ndisabukeka ngendlela efanayo. Kwaye ubuso bam sele esuka ukushicilelwe ngaphambili.”

UMbuso ungqinile ukuba uMadolo wabanjwa ngomhla wamashumi amathathu kwinyanga yeSilimela kwaye uphando lusekwinqanaba lokuqala.

UMadolo waqala wabonisa ukuba uza kutyumba igqwetha labucala, kodwa kamva wakhetha ukumelwa ligqwetha leLegal Aid xa evela okokuqala.

Igqwetha lakhe lixelele inkundla ukuba umtyholwa akonwabanga ziinzame zomtshutshisi zokuthintela ukupapashwa komfanekiso wakhe.

“Uthe akonelisekanga ngumtshutshisi. Ndingaqinisekisa ukuba umfanekiso wakhe wawujikeleza kumakhasi onxibelelwano. Lo mntu ndimmeleyo ukwathe akafuni ukuyoma emgceni neqela labantu ukuze afaniswe ngamaxhoba okanye amangqina ukuba ngumrhanelwa (identity parade) kuba ubuso bakhe bebukhona yonke indawo, kungoko eye emapoliseni,” litshilo igqwetha leLegal Aid.

“Ubunzima be-identity parade buya kumiselwa kamva.”

UMbuso uthe uza kuyichasa ibheyile kwaye ukwiphulo lokuqinisekisa ukuba uMadolo akanawo amanye amatyala asamisiweyo okanye izigwebo zangaphambili.

“Umtyholwa ujongene namatyala asibhozo okubulala, elokuba nompu ngokungekho semthethweni, nekungekaziwa ukuba ngumpu onjani, nelokuba neembumbulu,” utshilo umtshutshisi.

Uqhube wathi uMadolo uye wayanyaniswa neziganeko zolwaphulomthetho ezibini ngabantu abazibonela ngamehlo abo.

“Ityala lesibini ukuya kweleshumi linxulumene nendawo yexhwayelo yesibini. Abatyholwa ababini kutyholwa ngelithi baye kwindawo yexhwayelo. Aba babhubhileyo abasixhenxe bebehleli ngaphakathi kwindlu ngethuba bedutyulwa nababhubhe kwangolo suku.”

UMbuso uphinde wachaza ukuba umrhanelwa wesibini akakabanjwa kwaye wathi ujonge ukumbeka ityala umtyholwa ngeenjongo ezifanayo.

Ityala lihlehliselwe umhla wethoba kweyeKhala ukuze kwenziwe i-identity parade nokuba uMlawuli wezoTshutshiso amisele uhlobo lwetyala aze anike neenkcukacha zebheyile.

UMadolo uza kuhlala eluvalelweni.

UMphathiswa weSebe elijongene nokuBeka iliso kumaPolisa noKhuseleko loLuntu eNtshona Koloni, uAnroux Marais, ubongoze nabani na onolwazi malunga nolu lwaphulomthetho ukuba aze ngaphambili.

“Kufuneka sisebenzisane ukuqinisekisa ukuba ubulungisa buyenzeka. Ndikwahlaba ikhwelo kwinkqubo yezobulungisa ukuba ijongane neli tyala ngokugqibeleleyo, ukuze iintsapho noluntu lube nakho ukufumana uxolo,” utshilo.