Kugwetywe isithathu samadoda aseMonti esihlasele umfama waseBluewater eMonti kunyaka ophelileyo.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
IGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) eMpuma Koloni lisamkele isigwebo esinikwe isithathu samadoda aseMonti, uOdwa Dyabana (26), Luthando Ngangelizwe (29) kwakunye noSiseko Qhayiso (31) malunga nendima abathi bayidlala yobundlobongela ngethuba behlasela umfama waseBluewater eMonti ngomhla we20 kweyoMdumba wonyaka ophelileyo.
INkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika nebichotshelwe eMonti, esi sithathu isigwebe ngoLwesithathu kule veki emva kokubafumana benamatyala abumila kunje, elokuxhwila, ukuzama ukubulala, ukuphanga kwanokonzakalisa.
UNgangelizwe kwakunye noQhayiso banikwe iminyaka engama25, ze uDyabana wanikwa iminyaka engama30 kusongezwa nemihlanu kuba wathi waqhuba ngokungenankathalo kwingozi awayenzayo bebaleka konzakala abantu kwabhubha nomnye.
Ingxelo ephuma kwiNPA ithi abarhanelwa bafika kule fama bezenza okungathi bazokuthenga izinja. Emva kokuba umfama ebangenisile ngaphakathi emasangweni akhe, baveza imipu batsho bemyalela ukuba makenzeni emva koko bambophelela bayokumfaka kwibhafu yokuvasa bashiya bemvulele amanzi ashushu, bakugqiba babophelela abasebenzi abane bale fama.
Emva koko aba bavula isefu egcine izinto ezixabisa imali engangeR2.2 million. Ukugqiba kwabo abarhanelwa baphuma ngemoto iLand Rover yomfama bebaleka nabathi benza ingozi kuN2 kude kufuphi naseBeacon Bay – ngozi leyo yashiya owasetyhini onzakele umqolo nowayokubhubhela esibhedlele emva kweentsuku, abaninzi bashiyeka benemikrwelo.
Isithethi seNPA eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali, uthi esi sithathu phambi koMantyi sithe asinatyala, ze inkundla yaveza ubungqina obaneleyo bagwetywa.
UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni, uBarry Madolo, usamkele esi sigwebo esithi sidlulisa umyalezo oluqilima nakwabanye abangcungcuthekisa amafama kuquka noluntu ekuhlaleni.