Iindaba

Ziyabethana izimvo ngetyala lomfundi obexhwiliwe!

Abongile Ginya|Published

UKamogelo Baukudi obexhwiliwe ixesha elide uye wafumaneka esaphila kwiintsuku ezidlulileyo.

Image: Facebook

Bakhululwe abarhanelwa abahlanu (5) abeberhanelwa kwityala lokuxhwilwa komfundi kaGrade 11 waseBloemfontein, uKamogelo Baukudi (19), owayeduke ngomhla wesihlanu (5) kwinyanga ephelileyo emini ebuya esikolweni.

Abarhanelwa bakhululwe ngoMvulo kule veki yiNPA kuba isithi akukho bungqina obubambekayo obubandakanya abarhanelwa kweli tyala. Izimvo zoluntu kumakhasi onxibelelwano ziyabethana.  Uninzi luthi lukhona unyawo lwemfene kweli tyala nanjengoko kukuninzi okukrokrisayo ngokwezimvo zoluntu.

UBaukudi, ongumfundi wesikolo iMartie du Plessis, ufunyenwe ephila futhi engenawo nomkrwelo ngomhla we27 kwinyaka yeSilimela, eWepener. Umrhanelwa wokuqala obebanjiwe uliPolisa elinamashumi amane anesibini (42) ubudala. Abathathu babanjwe kwindlu eseKanana eWepener omnye eKwetla.