Iindaba

Izihlandlo ezibini kowadlwengula wabulala intwazana ekhulelweyo eXesi!

Abongile Ginya|Published

Izihlandlo zobomi ezibini kuThando Malgas (42) waseXesi kude kufuphi naseQonce owadlwengula wabulala intwazana ekhulelweyo.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

INkundla yeNgingqi yamaTyala yaseZwelitsha igwebe izihlandlo ezibini zobomi uThando Malgas (42) emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula kwanokubulala uAnele Vena (20) nowayekufutshane ekubeni azale njengoko iinyanga zokukhulelwa zaziphezulu.

Esi sehlo sibi senzeka ngomhla wesithathu kuTshazimpuzi ka2010 eXesi kude kufuphi naseQonce. UMalgas wadlwengula uVena kwikhaya lakhe nokwangumakhelwane wakhe, emva koko wamhlaba ngemela amanxeba ayi37 de kwabhubha nosana olo lwalungaphakathi esiswini. Umzimba kaVena wabhaqwa ngabamelwane kusasa ngengomso kwikhaya lakhe.

Ingxelo ephuma kwiNPA ithi, uMalgas wafika kowabo ngobo busuku iimpahla zakhe nezandla zigcwele ligazi wachaza inyani kubhuti wakhe ukuba ubulele uVena ngesizathu sokuba embhaqile ukuba ngubani ngethuba ebemdlwengula. UMalgas wagrogrisa ubhuti wakhe ngokumbulala naye ukuba uyithethe emntwini eyokuba nguye obulele uVena.

Into efikileyo kwiminyaka esixhenxe ehleli ngoloyika namaphupho amabi, umninawa kaMalgas uye wagqiba ekubeni achaze konke okwenziwa ngubhuti wakhe kwiinkokeli zasekuhlaleni nezamcebisa ukuba aye emapoliseni.

Ingxelo iqhuba ithi, uMalgas ekubanjweni kwakhe wayiphika yonke wabe engavumi nokuba atsalwe igazi, iDNA ngamanye. Ekugqibeleni, iingxelo zeDNA zabonisa ukuba nguye xa zazithelekiswa neencidi ezazithathwe kumzimba womfi.

UMtshutshisi uMzwandile Selanto enkundleni eZwelitsha wabeka ubungqina bukabhuti kaMalgas kwaneziphumo zeDNA ezikhomba ngqo uMalgas kwityala. Emva kweminyaka emihlanu ityala licotha kwaye kunamagingxigingxi, uSelanto ekugqibeleni uye waphumelela kwaye uMalgas wafunyanwa enetyala lokudlwengula nokubulala.

Inkundla kulapho iye yamnika ubomi entolongweni. UMalgas uye wafumaniseka ukuba unetyala analo lokudlwengula lango1998 nowayegwetywe iminyaka emihlanu kulo kwanelokuqhekeza umzi ngo2005.

Ngaphezulu kuye kongezwa esinye isigwebo sobomi yaba zizihlandlo ezibini zobomi.

INPA isamkele esi sigwebo.