Umama nomntwana, uLusanda Coboza (40) kwakunye nentombi yakhe uJaide Coboza (19) abadutyulwa babulawa ngomhla wokuqala kuCanzibe ka2025 kwikhaya labo eWalmer kuba engekho utata womzi owayefunwa.
Image: Facebook
IGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) lisikhabile isicelo sebheyile sikaNceba Maji (44), nojongene netyala lokwenza iyelenqe lokuzama ukubulala nokubulala apho kwadutyulwa kwabulawa umama kwakunye nentombi ngomhla wokuqala kwinyanga edlulileyo uCanzibe eSakhasonke, eWalmer, eGqeberha.
UMaji ungaphakathi eziseleni nalapho aza kuphinde avele kwakhona phambi koMantyi waseGqeberha ngomhla wama30 kwinyanga ezayo kweyeKhala. UMaji uza kube evela nababini atyholwa nabo kweli tyala, uSibulele Mzilikazi (28) noSiyabonga Ntshwahlana (35) nabaye bayala ngokwabo bona ibheyile.
Ukudutyulwa kwesi sibini, umama uLusanda Thunywashe-Coboza (40) kwakunye nentombi yakhe, uHailie-Jade Coboza (19), kwashiya kothuse uninzi eMpuma Koloni.
Ngethuba kuqhuba inkqubo yokufaka isicelo sebheyile ngaphakathi enkundleni eGqeberha, kuvele ukuba oyena mntu owayefunwa yayingumyeni kaLusanda ngenxa yembambano yeeteksi nanjengoko elilungu eliphezulu. Ngobu busuku, kwafikwa umyeni engekho ekhayeni kwangenwa kumama nomntwana.
UMaji kutyholwa ngelithi ukwiyelenqe lokuqasha uMzilikazi noNtshwahlana ekubeni babulale lo noteksi, kodwa izicwangciso zeyelenqe zakhokelela ekubulaweni komfazi kwakunye nomntwana. UMtshutshisi weNkundla yeSithili, uAsavela Dweba, udize ukuba eli tyala lijongene nokaMaji likhulu ngenxa yobungqina obuninzi obusetafileni kwanezixhobo ezifunyenwe ngethuba kuqhuba uphando.
Umbuso ukwaveze ukuba xa ekhululwa ngebheyile uMaji kwakuthi kubeyingozi kuluntu ngaphandle, kuquka namangqina anokuba semngciphekweni.
INPA isamkele isigqibo senkundla sokukhatywa kwesicelo sebheyile sikaMaji.