Iindaba

Iseziseleni ilwela ibheyile inkosikazi yaseMonti ebulele isithandwa sayo!

Published

UVuyokazi Fredy (39) ohlabe wabulala isithandwa sakhe esilipolisa eKwenxurha eMonti. Useziseleni uza kubuyela kwakhona ngoLwesithathu phambi koMantyi xa eza kube efaka isicelo sebheyile.

Image: HAWKS

Uza kubuyela ngoLwesithathu kwiveki ezayo uVuyokazi Fredy, 39, waseKwenxurha, eMonti, emva kokuba engakhange ayinikwe ibheyile ngethuba eqala ukuvela ngoLwesithathu phambi koMantyi malunga netyala ajongene nalo lokubulala indoda ebethandanda nayo nebilipolisa.

UFredy uza kube efaka isicelo sebheyile kwiveki ezayo sithetha nje ungaphakathi eziseleni.

Ixhoba, 50, belinguSajini kwisikhululo saseKwenxurha eMonti.

Ingxelo ephuma emaPoliseni, ithi esi sibini sithandanayo besizonwabele kwindawo yentselo nekuye kwavuka ingxabano phakathi kwaso ekhokelele ekubeni uFredy ahlabe ngomlomo webhotile indoda yakhe.

Iqhuba ithi oogxa babo bangenelela kule ngxwabangxwaba yesi sibini bathatha uSajini, nesele enamanxeba okuhlatywa entloko, bemsa endlini yakhe nabaye bafika bambeka ebhedini yakhe.

Ngosuku olulandelayo, umrhanelwa wavuka waya kwisikhululo samaPolisa eyokuchaza ukuba uSajini oko ebesebhedini izolo kwaye akashukumi. Kwangoko amaPolisa aye ayivalela le nkosikazi.