Okhangelwa ngamaPolisa uLuzuko Khutyiswayo (31) waseMbizana nogqityelwe ukubonwa eGoli. Nabani onokuba nolwazi ngaye uyabongozwa atsalele amaPolisa.
Image: SAPS
AmaPolisa aseMpuma Koloni eMbizana abongoza intsebenziswano kuluntu olunokuba nolwazi ngotitshala oyindoda ogama linguLuzuko Khutyiswayo (31) nanjengoko amaPolisa ekholelwa ukuba angaluncedo kwityala elimalunga nokudlwengulwa komfundi oneminyaka elishumi elinesihlanu (15) ubudala.
Ingxelo ephuma emaPoliseni idiza ukuba lo mfundi udlwengulwe phakathi kweyoMqungu ka2023 ukuya kweyoMsintsi ka2024.
UWarrant Officer Majola Nkohli uthi uKhutyiswayo ugqityelwe ukubonwa eGoli kwiphondo laseGauteng.
Onokuba nolwazi okanye ombonileyo uLuzuko uyabongozwa atsalele uDetective Captain Peterson Kanzi ku071 352 4530 okanye 065 657 7140 (WhatsApp) kungenjalo atsalele iCrime Stop ku08600 10111.