Kukho amarhe okuba uFloyd Shivambu uza kubhengeza ukurhoxa kwakhe kwiMK Party ngethuba ethetha noonondaba.
Image: Facebook / MK Party
Emva kokuhlazeka esuswa njengoNobhala Jikelele weMK Party kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo, kukho amarhe okuba uFloyd Shivambu uza kubhengeza ukurhoxa kwakhe kulo mbutho.
Isithethi sakhe, uNolubalalo Mcinga, nowayesakuba lilungu lePalamente leEFF nowazimanya neMK Party kunye naye, uqinisekise ukuba uShivambu uza kubamba indibano noonondaba ngoLwesine eMidrand kodwa akavuma ukuxoxa ngento aceba ukuyenza lo kaShivambu.
Ebuzwa ukuba uShivambu uzazisile na iinkokeli zeMK Party okanye uyifumene na imvume, uMcinga uthe nanjengoko elilungu nje elingabambi sikhundla esiphezulu, akukho sizathu sokucela imvume kuba uza kubamba le ndibano ngentando yakhe.
Nangona kunjalo, abangaphakathi kulo mbutho bathi lo wayesakuba nguNobhala Jikelele uza kubhengeza ukurhoxa kwakhe, nto leyo eya kulandelwa sisibhengezo sombutho omtsha awusekayo.
"Owayesakuba nguNobhala Jikelele kudala efowunelwa ngoonondaba befuna ukuba aphefumle ngezinto ezahlukeneyo zezopolitiko ezenzekayo kweli lizwe, ngoko ke uza kube ethetha ngezo zinto," utshilo uMcinga.
Umthombo ongaphakathi kulo mbutho uthi iyaqala ukwenzeka le nto, yokuba ilungu lawo nawuphina umbutho wezopolitiko libambe indibano noonondaba lithethe ngezimvo zalo zobuqu eziphathelele nezopolitiko.
"Asicingi ukuba imalunga naloo nto, kwaye into yokuba sele emisele isithethi sakhe ikuxelela ukuba oku bekukudala kucwangcisiwe," utshilo umthombo.
Isithethi seMK Party, uNhlamulo Ndhlela, ebengekaphenduli kumbuzo awuthunyelelweyo wokuba ingaba umbutho unike imvume esemthethweni okanye umbutho uyazi ngale ndibano noonondaba.
Indibano kaShivambu noonondaba iza phakathi kokugxekwa kabukhali ngumseki weMK Party, uJacob Zuma, ngethuba esungula iphiko lolutsha lwalo mbutho eDurban ngempelaveki.
Ethetha gqaba gqaba ebhekisa kwimeko kaShivambu, uZuma uthe umbutho wakhe ugqibe ekubeni ubagxothe abantu kwizikhundla eziphezulu emva kokuba besenza izinto ezingalunganga, izinto umbutho ongafunanga ukuziveza esidlangalaleni, watsho esithi lo mbutho ubenooNobhala Jikelele abasixhenxe.
Ekuqaleni kwale nyanga, kwindibano noonondaba ebizinyaswe nguZuma nebhengeze ukususwa kukaShivambu, lo mbutho ucaphule utyelelo lwakhe olungagunyaziswanga lwaseMalawi kuMprofeti Shepherd Bushiri, owaqhwesha eMzantsi Afrika ngo2020.
UBushiri kunye nenkosikazi yakhe, uMary, babaleka kweli loMzantsi Afrika ngo2020 emva kokunikwa ibheyile bejongane nezityholo eziquka ubuqhophololo kunye nobuqhetseba.
Kutshanje inkundla yaseMalawi isamkele isicelo soMzantsi Afrika sokuba esi sibini sithunyelwe kweli lizwe ukuze sijongane namatyala aquka ukudlwengula nobuqhophololo, kwaye esi sibini sibonakalise iinjongo zaso zokubhena.
Kwingxelo efundwe nguSihlalo kazwelonke, uNkosinathi Nhleko, lo mbutho uthe utyelelo lukaShivambu ukuya kuBushiri lalungavunyelwanga ngumbutho kwaye lophule umgaqo siseko wawo. Ikwabhengeze ukuba uShivambu uza kufakwa njengelungu lePalamente.
Bekulindeleke ukuba afungiswe kule veki, nangona kunjalo, akukacaci ukuba oku kusezakwenzeka na emva kwendibano yakhe noonondaba ngoLwesine.
Ngaphandle kokuba lo mbutho ucaphula uhambo lukaShivambu lwaseMalawi, abantu abaphikisana nezenzo zakhe ngaphakathi kombutho baye bamtyhola ngokunika izikhundla eziphezulu kubantu abatsha ngelixa ejongela phantsi amalungu afika kwangoko kwakusungulwa lo mbutho.
UShivambu wazibandakanya neMK Party esuka kwiEFF kweyeThupha wonyaka ophelileyo kwaye wanyulwa ngoko nangoko njengoMququzeleli kazwelonke. Ngenyanga yeNkanga wonyuselwa wafakwa kwisikhundla sikaNobhala Jikelele.