USekela Mongameli uPaul Mashatile wenze intetho ephambili kumsitho woSuku loLutsha, ebonakalisa inkqubela yoMzantsi Afrika ekuxhobiseni ulutsha ukususela ngonyaka ka1994.
Image: Jairus Mmutle/GCIS
USekela Mongameli uPaul Mashatile wenze intetho yakhe ephambili kumsitho karhulumente wokukhumbula uSuku loLutsha ePotchefstroom, eMntla Ntshona.
Kwintetho yakhe ephambili, uMashatile uthathe ithuba lokuthetha ngezinto azibize ngokuba ziimpumelelo ezinkulu zolawulo lwentando yesininzi.
"Nangona imiceli mngeni isekhona, ndivumeleni ndithethe ngokufutshane ngezinye zeempumelelo ezinkulu ezithe zaphunyezwa ngulawulo lwentando yesininzi ekuqhubeleni phambili ukuxhotyiswa kolutsha ukusukela ngo1994," utshilo uMashatile.
"Okokuqala, kwinqanaba leMfundo esiSiseko, siguqule izinga lokuphumelela imatriki ukusuka ku58% ngo1994 ukuya ku87.3% eyenze imbali ngo2024.
"Inkqubo yethu yemfundo esisiseko iye yatshintsha kancinci kancinci ngelixa ilungisa izinto eziye zavela kwinkqubo yemfundo yeBantu kaVerwoerd. Nangona singekabikho kule ndawo sinqwenela ukuba kuyo, sikwakude nokungalingani nokungahoywa esakuzuza njengelifa ngo1994," utshilo.
Okwesibini, uMashatile uthe kumaziko emfundo ephakamileyo, ingxowa-mali yoncedo lwemali yabafundi eMzantsi Afrika (NSFAS) ibe yimbangela yokwandisa ukufikelela kwimfundo ephakamileyo kwabo bahlelelekileyo.
Le ngxowa-mali ikhule ukusuka kuhlahlo lwabiwo-mali olungephi olungaphezu kwezigidi ezingamashumi amathathu eerandi (R33 million) ngo1991, inceda abafundi abangama7240 kuphela, ukuya kutsho ngaphezulu kwamashumi amahlanu eebhiliyoni zeerandi (R52 billion) namhlanje, ixhasa ngemali abafundi abangaphezulu kwesigidi (1.1 million) kwiiyunivesithi nakwiikholeji zeTVET.
"Ngenxa yolu tyalo-mali luzinzileyo, ukwakhiwa kwenkqubo yethu yemfundo ephakamileyo kuye kwaguqulwa kakhulu. Ngo1994, kwakukho abafundi abamnyama abangama266 190, bemele i50.4% yabafundi bebonke. Ngo2020, elo nani liye lakhula laya kutsho kuma862 313 abafundi abamnyama, besenza i80% yabafundi ababhalisileyo [kumaziko emfundo ephakamileyo]," utshilo uMashatile.
Uthe uMzantsi Afrika ukwafikelele kwaye wagqithisa ukulingana ngokwesini kumazinga okuthatha inxaxheba kwimfundo ephakamileyo, ngaphezulu kwe60% yabaphumelele izidanga kwiikholeji neeyunivesithi ngabasetyhini abasebatsha.
UMashatile uthe ekuqaleni kwale nyanga, abantu abatsha abangama205 000 bafakwe emisebenzini ngokweSigaba sesihlanu (Phase 5) sephulo iBasic Education Employment Initiative njengenxalenye yenkqubo karhulumente eyaziwa njengePresidential Employment Stimulus.
"Ngo2023, njengoko ulawulo lwethu lwentando yesininzi lugqibe iminyaka engama30, iSebe labasetyhini, ulutsha kunye nabantu abakhubazekileyo lenza isibophelelo sokwenza ngakumbi kokumela kwaye liqalise ukuvelisa iiprojekthi zenguqu kwilizwe lonke, ezigxininise ngakumbi kuluntu oluhluphekayo kunye noluntu oluvalelwa ngaphandle," utshilo.
Ngaphambili, uMashatile uthe ngoSuku loLutsha uMzantsi Afrika unika imbeko ulutsha olukhaliphileyo nolungenaloyiko olwalusilwela inkululeko ngomhla we16 kweyeSilimela ngo1976.
"Nokuba babebatsha kangakanani, ulutsha luka1976 lwema lomelele ngethuba lujongene nenkqubo yengcinezelo yorhulumente wocalucalulo. Bajongana nokufa ngokuzimisela okungagungqiyo, bekhuthazwa ngumbono wamalungelo alinganayo kunye noluntu olunobulungisa," utshilo uMashatile.
"Sele iyiminyaka engama49 ukususela ngolo suku lubalulekileyo, kodwa siza kuhlala sizikhumbula iinkokeli zabafundi ezinjengoTsietsi Mashinini noHastings Ndlovu abaququzelela uqhankqalazo olukhulu olwaguqula isizwe sethu.
"Masingaze sibalibale abo bazimanya noluhlu olude lwabafeli-nkolo baza bahlawula ixabiso elikhulu lenkululeko yethu. Le yimiphefumlo eselula ekhaliphileyo neyalwela iphupha abangazange balibone lifezeka, iphupha elo elithe gqolo ukusikhuthaza nokusikhokela," utshilo.
Ngokuthabatha amanyathelo ngo1976 ngokuchasene nolwimi lwesiBhulu olwanyanzeliswa njengolona lwimi lokufundisa kwizikolo zabantu abamnyama, uMashatile uthe abo bafundi batsha babeqhuba indlela yomzabalazo eyayichazwa ngooyisemkhulu kuMqulu weNkululeko.
"Kwiintsuku ezilishumi ukususela ngoku, siza kubhiyozela isikhumbuzo seminyaka engama70 yoMqulu weNkululeko. Ukwamkelwa koMqulu weNkululeko ngomhla wama26 kweyeSilimela ngo1955, kunye noqhanqalazo lwaseSoweto ngomhla we16 kweyeSilimela ngo1976, ziziganeko ezibalulekileyo kuhambo loMzantsi Afrika olusingise enkululekweni," utshilo uMashatile.
USuku loLutsha kulo nyaka lubanjwe phantsi komxholo othi, "Izakhono zehlabathi elitshintshayo — ukwamkela ulutsha ukuze luthathe inxaxheba kuqoqosho olunentsingiselo."
USekela Mongameli uvumile ukuba inyaniso yeyokuba abantu abatsha abaninzi eMzantsi Afrika abaphili ikamva ebebenethemba lalo.
"Bajongene namazinga aphezulu entswela ngqesho, ukungalingani, kunye nokungabikho kokufikelela kumathuba, ngakumbi kwihlabathi ledijithali. Singurhulumente, siyavuma ukuba, kolu lutsha, izinto zihlala zinganyamezeleki, zinganqweneleki, kwaye zingenalulondolozo," utshilo.