Iindaba

Mawabalwe nawo amakhwenkwe kumaphulo enkxaso ukucutha izinga eliphezulu lemisindo

Abongile Ginya|Published

Abafundi bakaGrade12 eLumko High School eAmalinda, eMonti, phakathi kwabo ngowaziwayo uMan B obeyokubaxhasa ekwabakhuthaza ukuba bangayeki phakathi esikolweni. Abaneejezi ezibomvu ngoogxa bakaMan B emsebenzini.

Image: Abongile Ginya

Abantwana abangamakhwenkwe xa nabo benokufumana inkxaso njengabantwana abangamantombazana kubekho amaphulo ajongene nawo, lungakhona utshintsho nakwizinga eliphezulu lezenzo zokuphatheka gadalala kwamanina into eyaziwa ngokuba yiGBV. Oku kunganceda amakhwenkwe akhule enelinye iliso kwaye eyazi ukuba umntu obhinqileyo uyakhathalelwa, nobhinqileyo abonakalise inkxaso naye kwabangamakhwenkwe, esi ingasisizwe esingcono.

La ngamazwi kaMlindelwa "Man B" Tyekana oyimvumi, nosomashishini eMpuma Koloni nokwanalo nephulo lokujongana nabantwana abangamakhwenkwe, ethetha eLumko High School eMonti ngethuba eyokunikeza izinto zokuthambisa abantwana abangamakhwenkwe kuba esithi ufuna bazithembe.

"Ukuzithemba emntwaneni oyinkwenkwe kuyaphela xa ethe waphoxwa okanye wahlekwa kuba enuka amakhwapha, ingakumbi ehlekwa phambi kwamantombazana nto leyo ithi idale inzondo nomsindo kumakhwenkwe. Abanye ngenxa yale meko baye bayeke phakathi esikolweni," utshilo owaziwa ngokuba nguMan B.

Ongumququzeleli nokwakwezonxibelelwano, uSiyabonga Ngcangisa, esomeleza abafundi uthe mabanyamezele bangayeki phakathi esikolweni kuba entanjeni sele befikile nanjengoko sele zimbalwa iinyanga bamgqibe uGrade12.

Aba bahle kwimpahla yesikolo ngabafundi bakaGrade12 eLumko High School eMonti. Ekuqaleni ngu-Uyathandwa, uAhlume, uSiseko kwakunye noSinethemba.

Image: Abongile Ginya

"Abantwana abangamakhwenkwe nabo bayaludinga uthando nenkathalelo, aninaso isizathu sokuba esikolweni niyeke phakathi, ukuyeka phakathi esikolweni ayisiso isisombululo, uxanduva lakho kukuba ufunde. Siyayazi abanye xa enevumba okanye kukho loo nto asilela kuyo, uye athi ngcono ayeke ukufunda kuba esithi uzogezelwa. Xa usithi kumntana oyinkwenkwe uzokuzibonela uthi makathini, akukho namnye umntwana ekufanele ukuba azibonele, ayiloxanduva lakhe olo," utshilo uNgcangisa.

Omnye wabafundi abaxhamlileyo, uSiseko Sikotha, nowenza uGrade12 eLumko High School, uthi ulivuyela kakhulu iphulo likaMan B nanjengoko esithi le nto ayiqhelekanga kubo bengamakhwenkwe. "Sidla ngokuyibona isenziwa kwezinye izikolo kunikwe abantwana abangamantomabazana. Intle into eyenziwayo yanga nakwezinye inganwenwa."

Umfundi, uAhlume Qamba, uthe: "Ukuba oku kungaqhubekeka kusenziwa nakuthi thina bantwana abangamakhwenkwe inenene utshintsho lungakhona kuba kwabanye ingangathi yinto encinci le ibe kwabanye iyinto enkulu kuba asilingani kwaye akufananwa. Sivile nokuthethwe ngutata uMan B kwaye siyaluvuyela nolu tyelelo."

Abafundi banikwe izixhobo zokuvasa kwanokuthambisa. UMan B uthi uyazi kuye eyokudinga into yokuthambisa amakhwapha kube kungekho themba lokuba iza kuthi gqi phi.

Uqhube wathi uMzantsi Afrika uphantsi kwelifu elimnyama lweziyobisi, akuntombi akundoda, uthi urhulumente makandise amaziko oluleko asimahla.

UMan B wayengumfundi kaGrade 12 kwesi sikolo, iLumko High School, naye wabalixhoba lokuyeka phakathi esikolweni kuba wayetsala nzima imeko imnyazela ukuba ayokuzamela ikhaya lakhe. Uthi okwamehlelayo akakunqweneleli namnye kungoko ethe gqolo nala maphulo axhasa ulutsha.

Lo somashishini uyaqhuba ngokunikezela nangezixhobo zokudlala ibhola ezintolongweni nasezikolweni.