Iindaba

Bahlanu ababhubhe kwingozi yemoto kude kufuphi naseMonti

Abongile Ginya|Published

Bahlanu abantu ababhubhe kusasa ngentsasa yangoLwesibini kwingozi eyenzeke kuhola wendlela uN2 ngaseChintsa ngaphandle kwaseMonti.

Image: ECDoT

Ngamadoda amabini kwakunye namakhosikazi amathathu athe abhubha kusasa ngoLwesibini kwingozi yemoto ethe yenzeke kwindlela uN2 phakathi kweChintsa neBrakfontein ngaphandle kwaseMonti.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seSebe lezoThutho noKhuseleko eMpuma Koloni, u-Unathi Binqose, uthi kusinde ababini kule ngozi, umqhubi weteksi kwakunye nowasetyhini omnye. 

Uthi nemozulu embi phandle inganawo umthelela kule ngozi kuba umqhubi wale teksi osindileyo uthi ebezama ukuphepha umthi owele endleleni nathe waphoncula ulawulo lwesithuthi sakhe nesiye sabhukuqa kwabhubha isihlanu sabantu kwindawo leyo yexhwayelo.

Iteksi esube imiphefumlo yabantu abahlanu ngethuba iphepha umthi ngaseChintsa kusasa ngoLwesibini.

Image: ECDoT

Umqhubi kwakunye nenkosikazi enye esindileyo kule ngozi bafumana unyango esibhedlele nanjengoko bethathwe basiwa khona.

UBinqose ukwabongoze abaqhubi bezithuthi endlelni ekubeni bathobelane kwaye bahlale bekhangele ngalo lonke ixesha nankengoko isenkenenkene imozulu eMpuma Koloni.

Iqwakuqwaku livuliwe kwaye uphando luya kuqhuba.