Inqwelontaka ebilahleke eKZN ifunyenwe kwaye abakhweli abathathu ababekhwele kuyo babhengezwa njengabaswelekileyo.
Image: Ithunyelwe
Inqwelontaka yePyper Cherokee ebilahleke ngeCawe ifunyenwe. Iziko iAeronautical Rescue Coordination Centre (ARCC) libhengeze ukuba bonke abathathu ababekhwele le nqwelontaka bafunyenwe bebhubhile.
Inqwelontaka nemke kwisikhululo seenqwelomoya saseVirginia malunga nentsimbi yesithathu emva kwemini kuthiwa ibiqhutywa ngumqhubi wenqwelomoya ongumfundi.
"I-ARCC yasazisa ukuba lo mba iza kuwunikezela kwiCandelo lamaPolisa loPhando lweNgozi neZiganeko kunye neGunyabantu lezoPhapho loMzantsi Afrika ukuze kuphandwe ngokusemthethweni.
"Sivakalisa amazwi ovelwano kwiintsapho zabakhweli abaswelekileyo," utshilo uMphathiswa wezoThutho nokuHlaliswa koLuntu eKZN, uSiboniso Duma.
UDuma uqhube wathi ukusweleka komfundi ongumqhubi wenqwelomoya yilahleko kwishishini lezophapho.
"Ukulahlekelwa yinkokeli eselula ngolu hlobo enezakhono ezithembisayo kushishino lwezophapho, phantsi kweemeko ezilolu hlobo, akunzima nje kuphela kodwa kubuhlungu."
Logama uphando lusaqhuba, uDuma uthe imozulu embi kweli phondo isenokuba ngunobangela wale ngozi imanyumnyezi.
Inqwelontaka, ebinobhaliso oluthi ZSKFB, ayikhange ifike kwindawo ebisingise kuyo kwaye igqityelwe ukubonwa kwisixhobo sokulandela umkhondo idlula eLadysmith, isingise emazantsi ngasePietermaritzburg okanye eGreytown.