Iindaba

Asipheli isingqala kumama owanikwa umntwana ongengowakhe sisibhedlele saseSajonisi!

Abongile Ginya|Published

Umama nosana lwakhe asanda ukudibana nalo emva kweenyanga ezisixhenxe, watshintshwa ngempazamo sisibhedlele saseSajonisi iSilimela. Olu sapho lifuna ubulungisa neempendulo.

Image: Uthunyelwe

Lusenesingqala usapho lakwaNcoyini ngenxa yenxeba lokukhulisa umntwana ongengowalo iinyanga ezisixhenxe ngenxa yempazamo eyenziwa ngoonesi besibhedlele iSilimela eSajonisi. Umzali womntwana wabeleka ekuseni ngomhla wesine kweyeThupha ka2024 ze ngosuku olulandelayo umhla wesihlanu wakhululwa nosana lwakhe.

UInam Ncoyini (23) waseSwazini eSajonisi uthi eli linxeba ekuza kuba nzima ukuba liphole kuba kuye kukhona kubuya iinkumbulo kwaye kukhona iye imsebenza umphefumlo nangakumbi eyokuhlukanyiswa nomntwana ebesele enxulumene naye iinyanga ezisixhenxe esithi ngowakhe xa ngoku esohlukaniswa naye.

Yonke le nquleqhu iza emva kokuba usapho lakwaNcoyini lwathi lwafumana umnxeba kwiSebe ekuqaleni kweyoMdumba kulo nyaka, libizelwa ukuxelelwa isimanga sokuba abantwana batshintsheka mzali ngamnye wanikwa ongengowakhe sisibhedlela iSilimela.

Kwindibano ebeziqhuba phakathi kweyoMdumba neyoKwindla iSebe kwakunye neentsapho kwanyanzeleka ukuba kwenziwe novavanyo lwencindi (DNA) nekulapho iimpendulo zabuya zibuyela eBotha Sigcawu eMthatha kweyoKwindla zingqina ukuba oomama ngabo.

"Enyanisweni yona le into isengathi yintsomi xa ndimane ndiyicinga naxa ndimane ndijonga lo ukhoyo umntwana. Ngosuku lokuqala sibanikwa ezokulala nam kwakungekho lula kwaye kungemnandanga ndabe ndikhumbula umntwana ebendimazi engowam ndimane ndikhumbula noncumo lwakhe."

"Ndiyazama nangoku nangona kungekabilula, bona ubulungiswa ndiyabunqwenela. Naxa ndimane ndisothuka ebusuku ndithatha ifowuni ndibuke imifanekiso yakhe kuvele kubebuhlu ngaphakathi ndimelwe nangumphefumlo. Bendikhe ndoyika nokuya ecaweni kwiveki yokuqala efikile, ndisoyika ukubuzwa ngomntwana, phofu ndibe nam ndisazidinga iimpendulo." uvale ngelo uInam nongumama womntwana.

OweIndlezana Yezwe kummandla waseORTambo, uSiyamthanda Ndlela, uthi inkxaso yoluleko iyafuneka kakhulu kulo mzali kuba ujongene neengxaki ezimbini ngexesha elinye, eyokunikwa umntwana ongengowakhe amkhulilse sele emqhelile waphinda wohluthwa, kunzima kakhlu kungoko ludingeka ngamandla uncedo.

Sithethanje umama womntwana uza kuyifumana inkxaso yololuleko ngokwengqondo nangokomphefumlo nanjengoko iziko iSakhe Family Centre ikuqinisekisile oko. Ophuma kweli ziko uthi akukho namnye umama ofanelwe kukudlula kwimeko ebuhlungu kanje athe wadlula kuyo uInam. Itsho iqinisekisa ukuba iza kulinceda ixhoba kangangoko.

Usapho luthi isibhedlele akukho sithembiso sisenzileyo kulo malunga namanyathelo akuthi athathwe ngakoonesi abenza impazamo ngeentsana zabo.