Isakhiwo esingundoqo sikaMasipala iKumkani Mhlontlo kuQumbu esitshe ngeCawe.
Image: Kumkani Mhlontlo Local Municipality
UMasipala iKumkani Mhlontlo udize ukuba imivuzo yabasebenzi ayizukuphazamiseka nakanye, baza kuyifumana iphelele, oku kuza emva kokuba lo Masipala ukhulule abanye babasebenzi ekubeni basebenzele emakhaya ngenxa yomonakalo owenziwe ngumlilo otshise isakhiwo sikaMasipala ekuqaleni kwale veki.
Ingxelo ephuma kulo Masipala ithi oonogada abebesemsebenzini ngobu busuku beve isandi ngakwesinye sezakhiwo zalo Masipala kanti ngamadangatya omlilo, nabaye ngokukhawuleza baxelela abaphezulu kubo befuna uncedo nekuye kwafowunelwa amaPolisa kwakunye nezicimi mlilo zesithili nazo nezifike ngokukhawuleza.
Isithethi salo Masipala uMamela Mangcotywa, uthi nangona uncedo lufike ngokwaneleyo, kodwa elona gumbi likhulu kulo Masipala lidizwe njengendawo eyonzakeleyo, kwaye okwangoku akuvumelekanga ukuba kungenwe de kukhululwe amaPolisa, abecandelo lentlekelo kwaneengcaphephe zakwaforenzikhi.
UMasipala uyabongoza abo basebenzela ekhaya nabachaphazelekileyo ukuba basebenze ngokuzinikela nangokuthembakeleyo.
Abasebenzi bamagumbi angachaphazelekanga baza kuqhubekeka nokusebenzela kumagumbi alo Masipala njengesiqhelo.
IKumkani Mhlontlo ithembisa ukuba nangona kunolu phazamiseko, izicwangciso zenziwe ukuqinisekisa ukuba azimi iinkonzo ziyakuqhubekeka njengesiqhelo.