Iindaba

Ubomi entolongweni kwabo baxhwila uJoshlin

Robin-Lee Francke|Published

UJacquen ‘Boeta’ Appollis, uSteveno van Rhyn, kunye noKelly Smith bagwetywe ubomi entolongweni.

Image: Ayanda Ndamane/ Independent Newspapers

UJacquen ‘Boeta’ Appollis, uSteveno van Rhyn, kunye noKelly Smith bagwetywe ubomi entolongweni yiNkundla ePhakamileyo yaseNtshona Koloni ngoLwesine, ngokuxhwila uJoshlin Smith.

UJaji uNathan Erasmus uthe akafumananga zizathu zokunciphisa xa ebecinga ngesigwebo sesi sithathu. Uchaze iimeko zabo kodwa wathi akukho namnye kubo obonise ukuzisola ngalo lonke ixesha lokuxoxwa kwetyala.

"Nksz Smith, siyayazi ukusuka nge19 kweyoMdumba ka2024, bekukho ukungabikho kwenkathalo. Kodwa, ngaphandle kweenyembezi izolo, awukhange ubonakalise ukuzisola," utshilo uErasmus.

"Kucacile ukuba isigwebo sobomi entolongweni ngesona esifanelekileyo apha."

UErasmus uthi ngethuba kuqhutywa olu lwaphulomthetho, esi sithathu sasiphantsi kweempembelelo zeziyobisi, kodwa wathi ayisosizathu sokuzithethelela.

"Ubunexesha elaneleyo lokuthetha kwaye uthethe inyani," utshilo.

"Umtshutshisi ucele ukuba ndifake amagama enu kwNational Child Protection Register, ndiza kwenza ngokuhambelana nomyalelo."

Irejista iNational Child Protection Register (CPR) eMzantsi Afrika sisixhobo esibalulekileyo sokukhusela abantwana.

Linamacandelo amabini: UPart A, obhala amatyala achaziweyo okuxhatshazwa okanye ukungahoywa kwabantwana, kunye noPart B, apho kudwelisa abantu abagqalwa bengafanelekanga ukusebenza nabantwana.

URhulumente weNtshona Koloni uyigcina irejista ngokungqinelana noMthetho waBantwana wama38 ka2005.

Kwizityholo zokuthubelezisa abantu, bobathathu bagwetywa ubomi entolongweni, yaye kwityala lokuxhwila, bobathathu bagwetywa iminyaka elishumi.

Izigwebo ziza kuqhutywa ngaxeshanye.