UMphathiswa weSebe loLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yezeMveli (Cogta) eMpuma Koloni uZolile Willams ubongoza abazali ekubeni base abantwana kwiingcibi ezisemthethweni.
Image: Uthunyelwe
Isiko lokoluka kwabantwana abangamakhwenkwe lifikile kwaye nooMasipala abafana noMbhashe kwakunye neOR Tambo sele beqalile neeNkosi zaba Masipala ukubamba iindibano ezimalunga nokuqinisekisa ukuba eli siko liyathotyelwa ukuze abantwana babuye bephilile entabeni kwaye kungabikho ziganeko zokubhubha kwabantwana.
UMphathiswa weSebe loLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yezeMveli (Cogta) eMpuma Koloni uZolile Williams ukhuphe umyalezo apho ebongoza abazali ukuba baqiniseke ukuba abantwana bayaxilongwa ezikliniki kwaye bafumane neencwadi eziqinisekisa oko. UWilliams uthi luxanduva lwabazali ukuba abantwana bazisele iipilisi abazinikiweyo ngeenjongo zokukhusela impilo yabo ukuze bangafumani iingxaki kwanezifo xa besentabeni.
UWilliams ukwahlab' ikhwelo esithi zebancede abazali basebenzise iingcibi ezisemthethweni hayi onomgogwana beengcibi abaza kubulala abantwana. "Basincede abazali basebenzise iingcibi ezaziwayo ngomsebenzi wazo kwaye ezisemthethweni kungasetyenziswa abantu abazakuthi bonzakalise abantwana endaweni yokubanceda.
"IiNkosi kwakunye neeForum zaseMpuma Koloni zeziqiniseke ngokutyelela amabhoma nabantwana ukuqinisekisa ukuba kubonwa yonke into eyenzeka emabhumeni sikwazi ukunqanda ukonzakala kwanokusweleka kwabantwana. Sithi mabaye bephila babuye ephila kuba eli lixesha lokonwaba kwiintsapho hayi elokulila," utshilo uWilliams.
USihlalo weInitiation Forum eMbhashe uNkosi uSipho bekwindibano ezivuselela izazela njengoko kufike ixesha lolwaluko.
Image: MBHASHE LM
USihlalo weOR Tambo Initiation Forum, uNkosi uZwelizolile Lutuka, naye uzeke emzekweni ebongoza abazali nezihlobo zabantwana baqinisekise ekubeni bayasebenzisana noRhulumente ukuqinisekisa ukhuseleko kwanokuqhutywa kwesiko ngendlela efanelekileyo. Uqhube wathi baqaphele ukuba iingxaki ezininzi ezikhoyo zifumaneka kwezi zikolo zolwaluko zingekho semthethweni kungoko ebongoza naye ukuba zichazwe ngaphambili ezibonwayo ezinjalo.
USihlalo weMbhashe Initiation Forum uNkosi uZwelimfanele Sipho Nyendane uthi baqalisile ukujikeleza kwiindawo zalo Masipala, iDutywa, uGatyane kwakunye neXhorha apho bavuselela iingcibi namakhankatha neeNkosi ukuze abantwana baseMbhashe baye entabeni bephila kwaye futhi babuye bephila.
Kukwayalelwe uluntu ukuba lutsalele amaPolisa xa lubona amabhoma angaqondakaliyo nangekho semthethweni.