UMzwanele Manyi uthi ubudlelwane bakhe noGqirha John Hlophe ayisosizathu sokususwa kwakhe njengoMbhexeshi oyiNtloko.
Image: Chris Collingridge/Independent Newspapers
OwayenguMbhexeshi oyiNtloko weMK Party ePalamente uMzwanele Manyi uthe ubudlelwane bakhe nenkokeli yombutho ePalamente uGqirha John Hlophe ayisosizathu sokususwa kwakhe kwisikhundla esiphezulu sombutho.
IMK Party ibhengeze ukuba uManyi ususiwe njengoMbhexeshi oyiNtloko ngoLwesibini endaweni yakhe kwafakwa uColleen Makhubele, nalapho abangaphakathi kulo mbutho besithi esi sisiphumo songquzulwano oluthe lwavela ngethuba lentetho yobume besizwe (SONA) ebutsheni balo nyaka.
UManyi kuthiwa unyanzele uHlophe ukuba athethe intetho awayeyinikwe nguye [Manyi] ngomzuzu wokugqibela endaweni yaleyo wayeyilungiselele uHlophe. UHlophe, njengenkokeli yombutho ophikisayo ebephendula intetho kaMongameli Cyril Ramaphosa yeSONA. Kutyholwa ngelithi uManyi waxelela uHlophe ukuba le ntetho ibhaliweyo ibiphuma kumseki wombutho, uJacob Zuma, kwaye emva kokuba kuvele kamva ukuba uZuma akayazi le ntetho, uHlophe kuthiwa wayevutha ngumsindo waqubisana noManyi kwintlanganiso yamalungu alo mbutho asePalamente.
NgoLwesithathu uManyi uwakhabile amabango okuxambulisana noHlophe, esithi ayisosizathu esichazwe ngumbutho sokuba asuswe esikhundleni.
"Andikholelwa ukuba ukususwa kwam kunento yokwenza nokwenzekileyo ngexesha leSONA. Ubudlelwane bam noHlophe njengenkokeli yethu yasePalamente bulungile. Sithetha kakhulu mna naye ngoko ke andinakuthi undisusele lo nto. Ndiza kuqhubeka nendima yam njengeLungu lePalamente eliqhelekileyo ngoko akukho nto inkulu ekususweni kwam. Le yayiyindima nje yolawulo," utshilo uManyi.
Uthe ukususwa kwakhe njengoMbhexeshi oyiNtloko akuzukuchaphazela ukuma kwakhe kulo mbutho nanjengoko esi sikhundla siyindima yolawulo, watsho esithi usenobudlelwane obuhle noZuma kwaye usesisithethi seJacob Zuma Foundation.
Nangona kunjalo, ilungu eliphezulu leMK Party KwaZulu-Natal, nelisondelene noZuma, lithe kukho utshintsho olumandla oluzayo nanjengoko uZuma ebuyele kweli loMzantsi Afrika emva kohambo lwaseChina.
Umthombo, othethe phantsi komqathango wokuba angachazwa igama lakhe, uthi nangona uHlophe ebhalele uManyi emazisa ukuba akasenguye uMbhexeshi oyiNtloko, oku ngengazange kwenzeke ngaphandle kwemvume kaZuma.
"Oku akuphelelanga apho, enyanisweni sisiqalo kuba uMongameli (Zuma) wayetshilo ukuba uza kubhengeza utshintsho olukhulu xa ebuya phesheya kolwandle. Kwiintsuku ezimbalwa uza kuva isibhengezo esikhulu seMK Party kwaye abantu baza kothuka," utshilo umthombo.