Iindaba

Maninzi amathuba engqesho adalwa ziisaluni nangona zisajongelwa phantsi

Abongile Ginya|Published

OweStudio Glam uLwandy Ngebe noququzelele isemina yoosomashishini abangabanikazi beesaluni nabaneenjongo zokukhula nangakumbi kweli candelo.

Image: UTHUNYELWE

Ishishini leenwele lelona shishini elingathathelwa ngqalelo nelijongelwa phantsi kodwa ibe ilelona lidala amathuba amaninzi engqesho ingakumbi kumanina amaninzi kuba aye akwazi ukubeka isonka etafileni kwiintsapho zabo. Oku kudizwe ngusomashishini waseMonti okwangumnikazi weStudio Glam uLwandy Ngebe ngethuba ebambe isemina ebizwa ngokuba yiAfrica Eastern Cape Hair and Beauty Business Seminar, nalapho ebeqokelele onke amasebe anokuthi abeluncedo ekuxhaseni abashishina ngokwenza iinwele.

Le semina bekungekho kokuqala iStudio Glam iyibamba nanjengoko kwiminyaka embalwa edlulileyo yayibanjiwe kodwa uNgebe uthi uza kuqhubekeka de kubekho utshintsho kwaye bafumane inkxaso futhi bakhule de bakwazi ukuziphuhlisa nabanye abakweli shishini abangekakwazi.

"Sibone ithuba ukuba kunelicandelo leshishini leenwele elinegalelo kakhulu xa kuthethwa ngokudala amathuba engqesho kodwa kube kungekho nkxaso bayifumanayo kuRhulumente. Apha eMpuma Koloni akukho nazingqeqesho zezakhono eziye zibekhona ukulungiselela eli candelo ngelo xesha kukho amanina axhomekeke kweli shishini, akukho mntu onomdla wokubaphuhlisa," utshilo uNgebe.

UAsanda Nkumbi oneshishini elaziwa ngokuba kukwaXolani eHighway eMdantsane nothi kudala enqwenela ukuzivelisela amafutha angawakhe entloko koko engazi ukuba uyakuqala ngaphi uthe: "Kuninzi endikufundileyo kule semina kudala ndiyinqwenela iindibano ezinje ngezi kuba kudala ndanqwena ukuba nento eyeyam njengoko sekukudala ndisebenza esaluni ndidinga ukukhula ngoku ndibekwelinye izinga. Ndiyabulela kakhulu ngeli thuba noko akuzukubamnyama njengakuqala kwaye sikhuthazekile kwaye saxhobiseka akukho sikhalo."

Amagosa, abaqeshi nabaqashwa ababezimase isemina yenwele ebiququzelelwe yiStudio Glam beseECDC eQuigney eMonti.

Image: Abongile Ginya

Oyingcaphephe eMzantsi Afrika nosele eneemveliso zakhe zokuthambisa iinwele, uJabu Stone, weemveliso zakwaJabu Stone, nothi ukhulele kusapho olushishina ngenwele ukhuthaze abaninzi oosomashishini esithi nabani na angakwazi ukuzivelisela ezakhe iimveliso zenwele ingakumbi benenyhweba yokuzazi iintlobo ngeentlobo zeenwele zoluntu kuba besebenza ngazo. UJabu uthi kubalulekile futhi ubenomntu ojonge kuye ngokokukhula.

OweBraided Queen Beauty Bar uThandie Magqeleba ekhuthaza oogxa bakhe uthi kubalulekile ukubuza, ukuzikhulisa kwaye nokuzihlohla kwabo banenjongo kwaye sele bephumelele ukuze ukwazi nawe ukukhula. UGqeleba uthi xa ungusomashishini yiba nemibono uziphuhlise ungajongi kwinto enye.

Omnye wabaziwayo uAfika Mbandazayo-Manitshana weAfika M Hair and Beauty ukhuthaze oogxa bakhe esithi kubalulekile ukuzazi ukuba ufuna ntoni kwaye uqiniseke ngebali lakho. Uthi ukuba ivila awulilo ungayenza imali ngeli shishini kuba linayo imali watsho ebuza ukuba ngubani ongafuni ukuzibona emhle...akakho. 

IGosa eliPhezulu elikwicandelo loPhuhliso lamashishini eECDC uMpumi Fundam uthi le semina ibe linyathelo elihle kwaye elakuthi linike ithuba aba somashishini enye indlela yokucinga ngeendlela zokukhula kumashishini abo.

Okunye okuthe kwavela kule semina okubalulekileyo kukugcina iiklayenti zabo ngokuthi bagcine ishishini labo abenzela kulo licocekileyo kwaye nabasebenzi befikeleleka kwiiklayenti zabo.

UNgebe uthi ubize onke amaSebe anokuthi abe lulutho kwaba somashishini. Aba banikazi beesaluni kwanabasebenzi bakwaboniswe nangokubaluleka kokugcina imali ukuze bayibone inzala. Bakwacetyiswe nangokubaluleka bokuqesha ngephepha lesivumelwano sengqesho ikhontrakthi ukutsho, bekwakhuthazwa nokuba balandele imithetho nemiqathango.