Iindaba

Isembi imeko yomlo wamaqela abukulana ngokobuhlanga eAddo!

Abongile Ginya|Published

Abahlali belokishi iValencia eAddo ngethuba bechithwa ngamaPolisa ngentsasa yangoLwesibini emva kokuba bevuke batshisa amatayala, oku kuza emva komlo wobukulana ngokobuhlanga.

Image: UTHUNYELWE

AmaPolisa aseMpuma Koloni akhuphe ingxelo kusasa ngoLwesibini eyokuba yona imeko isembi kakhulu eAddo, kwaye amaqela athile avuke ngentseni atshisa amatayala nangona lo mlilo uye wakhawulezelwa kwangoko ngamaPolisa atyalwe kule dolophu ngeenjongo zokugada ucwangco.

UWarrant Officer Majola Nkohli uthi bakhona nabecuphi abaqhuba uphando malunga neziganeko zokubhubha kwabantu abane, omnye ngoMgqibelo waseMzantsi Afrika ebethwa ngabangaphandle kwindawo yentselo kwilokishi iValencia kwakunye nabathathu ababhubhe ngeCawe bamazwe angaphandle bebethwa ngabalapha kuba beziphindezela malunga nesiganeko sangoMgqibelo ethaveni. UNkohli uthi abantu bamazwe angaphandle amaPolisa ababeke kwiindawo zokuhlala ezingaphandle kwaseAddo.

INkulubaphathiswa eMpuma Koloni uOscar Lubabalo Mabuyane umemelela inzolo nomanyano kula maqela. Ekwabongoza ukuba bazole kwaye bayeke ukwenza izenzo ezinokukhokelela ekunwenweni kwale ngxabano. Urhulumente ukwabongoza uluntu ukuba lusebenzisane nabantu bomthetho ngokupheleyo ukuqinisekisa ukuba ubulungiswa buyenzeka.

UMasipala iSundays River Valley uzingqinile iingxelo zokubhubha kwabantu abane (4). USodolophu walo Masipala uSolethu Lucas naye ngokunjalo uhlab' ikhwelo ememelela inzolo esithi abahlali mabangavumi ukuthathela umthetho ezandleni ngokwabo koko mabanikele emapoliseni.

Lo Masipala kwakunye namaPolisa ubize uluntu kwiholo laseValencia ngeengonjo zothethwathethwano ngesisombululo sale meko. Omnye othethe neli phephandaba nowaziwayo uthi yona ngenene imeko imbi kwaye boyikisela ubomi babo enqwena ngelithi sele befuna kude kuze izisombululo kubuyele uxolo kwindawo yabo eAddo.