Iindaba

Izenzo zokubululana ngokobuhlanga zishiye abathathu bebulewe eMpuma Koloni

Abongile Ginya|Published

AmaPolisa atyalwe eAddo apho ayojonga ucwangco emva kokuba abakweli loMzantsi Afrika bengquzulane nabemi bamazwe angaphandle.

Image: SAPS

AmaPolisa aseMpuma Koloni atyalwe kwilokishi yaseValencia eAddo emva kokuba kuqhambuke umlo phakathi kwabemi boMzantsi Afrika kwakunye nabangaphandle ukusukela izolo umhla wama25, kulo mlo kubhubhe abathathu, abalishumi bashiyeka bonzakele. Ukanti ngoMgqibelo kubhubhe omnye [walapha eMzantsi Afrika] kwisiganeko esahlukileyo nesikhokelele kwesi.

Ngokwengxelo ekhutshwe ngamaPolisa, abemi balapha baphume baya ezitalatweni apho bafike bahlasela abangaphandle. 

UWarrant Officer Majola Nkohli uthi oku kuza emva kokuba abalapha bebuyisa izitya emva kokuba ngoMgqibelo kuthe kwabulawa ummi walapha eMzantsi Afrika ngaphandle kwendawo yentselo eValencia ebulawa ngabemi bangaphandle abahlala eAddo.

Sithetha nje amaPolisa akulo mmandla nalapho ajonge ucwangco phakathi kwala maqela. 

Kuphandwa ngamatyala amane okubulala kwanelokuzama ukubulala alishumi. Kulindeleke ukuba kubanjwe abarhanelwa, okwangoku akukabanjwa mntu. 

Obambeleyo njengoMkomishinala eMpuma Koloni, uMajor General Thandiswa Kupiso, ubongoza abahlali ekubeni bathobe isantya ekwababongoza ukuba iinkokeli zabahlali eAddo zithethathethane namaPolisa ukuza nezisombululo.