Kutshe usapho lwabasixhenxe emva kokuba ityotyombe labo eliseMarikana liye latsha. Abathandathu babhubhile waza omnye osindileyo wathunyelwa esibhedlele.
Image: City of Ekurhuleni
Kubhubhe amalungu osapho amathandathu kumlilo eKurhuleni, kwityotyombe labo kumatyotyombe aseMarikana.
Ngentsasa yangoMvulo, isithethi seSebe lentlekele neenkonzo zolawulo olungxamisekileyo kuMasipala waseKurhuleni, uWilliam Ntladi, uthe linye ilungu losapho elisinde kulo mlilo.
"Eli khaya lamalungu osapho asixhenxe litshiswe ngumlilo, bonke bevaleleke ngaphakathi ngethuba belele ubusuku bonke, kwaye omnye kuphela kubo osindileyo nonamanxeba amasikizi okutsha," utshilo uNtladi.
Abeenkonzo zoncedo olungxamisekileyo kumasipala waseKurhuleni baphendule ngokukhawuleza baleqa kumatyotyombe aseMarikana emva kokufumana umnxeba ngentsimbi yesithathu ekuseni ngoMvulo.
Ukufika kwabasebenzi bakaxakeka, ityotyombe elinamagumbi amane lalivutha amadangatye. Amalungu asekuhlaleni ayethe phithi ezama ukucima lo mlilo.
"Abacimi-mlilo bawucimile lo mlilo. Nangona kunjalo, ngexesha lomsebenzi wokukhangela nokuhlangula, bobathandathu bafunyenwe betshiswe ngendlela engenakuqondwa, kwaye mnye kuphela owasindayo notshe ngokumasikizi," utshilo uNtladi.
Okuphela kosindileyo, intombazana emalunga neminyaka esixhenxe ubudala, iye yasiwa kwesona sibhedlele sikufutshane ukuze ifumane unyango.
UNtladi uthe amanye amalungu osapho amathandathu abhengezwe njengababhubhileyo kwindawo yexhwayelo.
"Unobangela womlilo awukaziwa. Amapolisa akwindawo yexhwayelo ukuze kususwe imizimba isiwe kwilebhu," utshilo uNtladi.
Ethetha nomsasazi weNewzroom Afrika, uNtladi uthe abamelwane banike ingxelo yokuba amalungu osapho ebelele ngethuba kuqala umlilo.
"Kuyoyikeka. Batshiswe ngendlela engenakuqondwa. Imizimba yabo etshileyo isekwindawo yexhwayelo. Kukutsha okumandla, umntu akanokwazi ukukhomba eyona nto. Amalungu amancinci emizimba yabo asekho kwindawo yexhwayelo. Kunzima kuthi ukubohlula ukuba ngubani nobani. Umnye kuphela okanye ngababini kubo abanokufaniswa ziintsapho," utshilo.
Amagama kunye neminyaka yabo bonke abantu ababekweli tyotyombe anikezelwe kwiSebe lentlekele neenkonzo zolawulo olungxamisekileyo kuMasipala waseKurhuleni.
"Sinabantwana ababini abancinci, omnye wayeneminyaka enye enesiqingatha ubudala kwaye omnye wayeneminyaka emine ubudala. Bonke batshe baphela. Bekukho abantwana abangamantombazana abaneminyaka eyi12 kunye ne20 yeminyaka nabo batshiswe ngendlela engenakuqondwa. Umama oneminyaka engama42 kunye notata oneminyaka engama47 – bonke batshiswe ngendlela engenakuqondwa," utshilo uNtladi.
Uthe inkqubo yokususa imizimba iza kuba nzima.