UMongameli Cyril Ramaphosa kunye noMongameli uDonald Trump ekugqibeleni bade banendibano yabo ekudala ilindelwe.
Image: AFP
UMongameli waseMelika uDonald Trump uyigxininisile inkxaso yakhe kuxolo nophuhliso kwiAfrika iphela, ngethuba ebambe indibano noMongameli uCyril Ramaphosa.
Incoko yabo ebanzi ichukumise ukusonjululwa kwengxabano eAfrika, ubudlelwane bezizwe ngezizwe, kunye nokubaluleka kwentsebenziswano phakathi kwamazwe.
Ethetha ngesakhono seAfrika kunye nethemba lakhe kwilizwekazi, uTrump uthe: "Ndifuna ukubona uxolo, kwaye ndifuna ukubona uvuyo. Ndifuna ukubona impilo. Uyayazi, ninomhlaba ongakholelekiyo, kukho ixabiso elikhulu. Uninzi lwamazwe alunalo elo xabiso emhlabeni, ixabiso eninalo [eAfrika]."
UTrump uthethe ngenkqubela phambili yamva nje eyenziwe kwiinzame zolamlo, ekhankanya isibhengezo esityikityiweyo phakathi kweRwanda neCongo.
"Kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo, batyikitye isibhengezo somgaqo apho bavumelana ngendlela eya phambili. Singenise izivumelwano zoxolo ezisayilwayo, kwaye senze enye ebandakanya zombini iingcebiso zabo. Sibanike yona, ngoko ke sikwinkqubo yokuqukumbela.''
URamaphosa uyincomile inkxaso neenzame ezenziwe ngamahlakani aseAfrika namazwe ngamazwe ekuzinziseni iDemocratic Republic of Congo (DRC).
"Ilizwekazi laseAfrika, ngakumbi iSADC, uMbutho wethu woPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi eAfrika, sekuyiminyaka uzama ukukhuthaza uxolo eDRC. Kufuneka sikubulele ngezo iinzame. Zonke iinzame, kuquka nezo zisuka ngaphandle kwelizwekazi nangaphakathi kweli lizwekazi, zixabisekile ngokwenene."
Wongeze ngelithi: "Sisusa amajoni ethu apho [eDRC] ukuze uxolo lubekho kulo mmandla wonke. Kwaye sinethemba lokuba ngenkxaso yoluntu lwamazwe ngamazwe, siya kuba noxolo ngokwenene kulo mmandla. Iyafuneka kwaye ibaluleke kakhulu kwingingqi yonke."
UMongameli uTrump uvume indima yeenkokheli zaseAfrika kwaye wavakalisa umbulelo: "Sathumela abantu bethu apho, kwaye ndicinga ukuba senze umsebenzi omhle kakhulu. Ndiva neengxelo ezimangalisayo.
''Into ebendiyiva ngaphambili yayikubhubha [kwabantu], nokunqumla iintloko. Kuyoyikeka kakhulu apho. Kwaye ubunesibindi ngenene ukuya apho. Ndiyayibulela kakhulu."
Incoko yagqithela yaya kutsho kwimiba yehlabathi, kuquka uthethathethwano phakathi kweMelika nePakistan, Indiya, kunye nemfazwe yaseUkraine.
UTrump uchaze urhwebo njengesixhobo sokunciphisa uxinzelelo. Ethetha ngemfazwe yaseRashiya neUkraine, uTrump uthe: "Sizama ukunceda. Ayisichaphazeli. Ayingobantu bethu, ayingomajoni ethu. YiUkraine neRashiya. Kodwa ukuba sinokusindisa imiphefumlo engama5000, siya kuyenza loo nto. Yinto esiyenza kakuhle kakhulu leyo. Kodwa leyo yimeko embi, imeko embi kakhulu."
URamaphosa uqinisekise ukubandakanyeka kunye neenzame zoMzantsi Afrika kwimfazwe yaseUkraine: "Kudala sabandakanyeka kwimfazwe yaseUkraine naseRashiya, kunye noMphathiswa woKhuseleko loMbuso walapha [eMelika]. Siye sasebenzisana nabo, ukubuyisela abantwana ababethathiwe, sikhangela amagama kunye needilesi nayo yonke loo nto. Siye sabandakanyeka kuyo yonke le nkqubo.
''Iinzame enizenzayo zixhaswa ngokupheleleyo sithi kuba sinqwenela ukubona isiphelo saloo mfazwe,'' utshilo uRamaphosa.
Ukhumbule ngoko wayethethe noMongameli uTrump ngethuba uMongameli waseUkraine uVolodymyr Zelensky wayetyelele eMzantsi Afrika: "Sobabini savumelana ukuba kufuneka sikhuthaze uxolo ukuze kubekho uxolo ngokwenene."
URamaphosa ukwathe uMzantsi Afrika ufumene izifundo zenkokeli yawo ongasekhoyo uNelson Mandela kwiinzame zawo zoxolo: "Saba nethamsanqa kuba sasinoNelson Mandela owasifundisa indlela yokudala uxolo, nokwenza uxolo. Ngoko besibonisa ezinye zezo zifundo. Ndamchazela ngokukodwa uZelensky ukuba le yindlela uNelson Mandela awasifundisa ngayo, ukuba xa ufuna ukuba noxolo elizweni, kwenze oko ngaphandle kwemiqathango nihlale phantsi nithethe."
UMongameli uTrump uqaqambise ubundlobongela obuqhubekayo eUkraine: "Kukho inzondo eninzi. Kukho ukufa okuninzi. Kukuphalala kwegazi. Ndifumana imifanekiso yesathelayithi yela bala — ela bala lokubulala. Zange ndayibona into enje ebomini bam. Iyoyikeka. Yinto eyoyikekayo eqhubekayo. Kodwa ndicinga ukuba senze inkqubela enkulu."